Inkwenkwe (11) idubule yabulala umsebenzi wasefama eLimpopo ngempazamo.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Amapolisa aseThabazimbi, eLimpopo, aqalise uphando emva kokubhubha komsebenzi wasefama ekutyholwa ukuba wadutyulwa ngempazamo yinkwenkwe eneminyaka elishumi elinanye (11) kwifama yaseThabazimbi ngoMgqibelo, umhla we11 kweyeDwarha 2025.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa, uColonel Malesela Ledwaba, amapolisa abizelwe kwindawo yexhwayelo emva kweengxelo zodubulo. Ekufikeni kwabo, uthi babhaqe umzimba wendoda entsundu, ekuqikelelwa ukuba idibanise iminyaka engamashumi amathathu (30) ubudala, ilele ngecala inenxeba lembumbulu emantla esifuba.
"Iinkonzo zonyango olungxamisekileyo zabizelwa kwindawo yexhwayelo, kwaye ixhoba labhengezwa njengelibhubhileyo phambi kokuba lifike kwiziko lezempilo.
"Uphando lokuqala ludize ukuba inkwenkwana eneminyaka elishumi elinanye (11) ubudala yayidubula iimpangele kule fama ngethuba iwubhekisa lo mpu ngempazamo ibulala umsebenzi wasefama," utshilo uLedwaba.
Kuthiwa emva kwesi siganeko, uyise wale nkwenkwe oneminyaka engamashumi amane anesithathu (43) ubudala wabanjwa wabekwa ityala lokungawuphathi ngenkathalo umpu. Umpu kunye nekhatriji zohluthiwe njengenxalenye yophando oluqhubekayo.
"Bekunye umntwana [ngokomthetho weChild Justice Act] notata wakhe kulindeleke ukuba bavele phambi kweNkundla kaMantyi eThabazimbi ngoMvulo, umhla we13 kweyeDwarha 2025," uqinisekise watsho uLedwaba.
UMkomishinala wamaPolisa eLimpopo, uLieutenant General Thembi Hadebe, uvakalise ukuxhalaba ngesi sehlo kwaye ubethelele ukubaluleka koxanduva lokuba nemipu.
"Esi siganeko sibuhlungu sisikhumbuzo sokuba imipu kufuneka iphathwe ngenkathalo kwaye igcinwe ngokukhuselekileyo ngawo onke amaxesha. Abazali nabagcini babantwana mabaqinisekise ukuba abantwana abafikeleli kwimipu phantsi kwayo nayiphi na imeko," utshilo uLieutenant General Hadebe.
Uphando lwamapolisa luyaqhuba.