UNkosi Zwelivelile Mandla Mandela ethetha neentatheli emva kokugaleleka noogxa bakhe eMzantsi Afrika.
Image: Independent Media
UNkosi Zwelivelile Mandla Mandela noogxa bakhe bagalelekile eMzantsi Afrika emva kokuthinjwa ngamajoni kaSirayeli iintsuku ezibalekayo.
Kwiveki ephelileyo, umzukulwana kaRholihlahla Nelson Mandela, uCarolyn Shelver, uZukiswa Wanner, uReaaz Moola, uZaheera Soomar noDr Fatima Hendriks bebephakathi kwabantu abangamakhulu amane abathinjwe nguSirayeli besendleleni eya eGaza - bebeyokunceda khona abantu abonzakeleyo nababhuqwa yindlala.
Iinqanawa ezinokutya nezinye izinto ziye zathintelwa kufutshane neGaza. Ngunyaka wesibini lo uSirayeli ehlwayela iziqhushumbisi neembumbulu phezu kweGaza. Basondele kumashumi asixhenxe amawaka (70 000) abantu ababhubhe ngenxa yemfazwe.
Abaninzi bafuduka bonzakele bengenako ukutya noncedo lezempilo ngenxa yokutshatyalaliswa kwezibhedlele neendawo zoncede. USirayeli waqala ukuhlasela eGaza akapheza ukusukela mhla abantu bakhe babulawa abanye bathinjwa yiHamas elwela ukukhululeka kwesizwe samaPalestina acincezelwe nguSirayeli.
Amatshantliziyo obulungisa adibana agqiba kwelokuba alayishe ukutya kwiinqanawe ekuthiwa yiGlobal Sumud Flotilla akuse eGaza. Ngunyaka wesibini uSirayeli engafuni kungene ukutya noncedo lempilo eGaza kuba esithi ezo zinto zithathwa yiHamas esankonye inqwaba yamaSirayeli.
UZwelivelile nabanye bavalelwa endleleni ngamajoni kuba uSirayeli engafuni kungene abantu abachasene nesenzo sakhe eGaza. Kodwa emva kweveki, uRhulumente woMzantsi Afrika ubhengeze ukukhululwa kwabantu abebebanjiwe.
Kuye kwathi gingxi ngaphakathi kuNosekeni Rabia Mandela kwakubhengezwa ukukhululeka komyeni wakhe nabanye abantu. "Ndibulela kakhulu umsebenzi owenziwe yiGlobal Sumud Flotilla noRhulumente waseMzantsi Afrika," uNosekeni.
"Kuye kwamnandi entliziyweni yam ndakuva ukuba umyeni wam ubuyela ekhaya," utshilo uNosekeni emva kokuba uChrispin Phiri weDepartment of International Relations and Cooperation (Dirco) ukuba abemi boMzantsi Afrika bakhululwe eJordan phambi kokubuyela eMzantsi Afrika namhlanje.
UNkosi Zwelivelile ucangcatha ekhondweni likaYise omkhulu, uRholihlahla Mandela, owathi inkululeko yoMzantsi Afrika soze igqibelele ingakhululekanga iPalestina ecinezelwe nguSirayeli oxhaswa yiMelika (USA).
Ngethuba besilwela ukukhululeka koMzantsi Afrika, uMandela nabanye baxhaswa ngamanye amazwe kwade kwalunga. Bagaleleke ngentsasa yoLwesithathu wale veki eKempton Park, eGauteng, bonwabile emva kokugqamisa ukunyhashwa kwamalungelo oluNtu nguSirayeli ebantwini baseGaza.
Kodwa uye wachiphiza iinyembezi xa ebalisa indlela abasokoliswe ngayo. Uthe bekubalulekile bengabantu baseMzantsi Afrika ukuba kubekho into abayenzayo ngentlalo yabantu baseGaza.
Ugxeke iYiphutha engakwazanga ukubancedisa bengekasuki nalapha eMzantsi Afrika nakubeni isithi ufuna kuphele ukubulawa kwabantu. "Emva kokubanjwa kwethu savinjwa ukutya eziseleni. AmaSiyareli asibopha izandla emva koko bazama ukusityhafisa ngelithi sixhasa abanqolobi. Yonke into ebesiyiphethe ibiwe," utshilo uMandla.