UNjengele Fannie Masemola noSenzo Mchunu onguMphathiswa wamaPolisa osathathe ikhefu elikhethekileyo.
Image: Facebook
UMphathiswa wamaPolisa, uSenzo Mchunu, uthi ukulungele ukubeka elakhe icala kwikomishini kaMadlanga.
Kwiinyanga ezidlulileyo, uMongameli Cyril Ramaphosa wagqiba kwelokuba asele ikomishini ephanda izityholo ezenziwa yiNjengele yamaPolisa kwiphondo laKwaZulu-Natal, uNhlanhla Mkhwanazi, owatyhola uMchunu ngokubhangisa ibutho elaliphanda ukubulawa kwabantu abakwipolitiki.
Ezinye izityholo zathi uMchunu usebenzisana nabophulimthetho abangoosomashishini abangumqobo endleni yomthetho KwaZulu-Natal naseGauteng. URamaphosa wacela uJaji Mbuyiseli Madlanga ukuba akhokele inkqubo yophando.
Amanqina amane sele eyinike ubungqina ikomishini kaMadlanga. Onke avumelene noMkhwanazi ukuba uMchunu wayengenalo igunya lokubhangisa ibutho lamaPolisa elaliphatha ukubulawa kwabantu KwaZulu-Natal engathethanga nentloko yamaPolisa enguNjengele Fannie Masemola.
Kwiveki ephelileyo, uMchunu ebeyinxalenye yabantu abatyelele ikhaya lakwaMthethwa emva kokusweleka kukaNathi Mthethwa. Noxa engafunanga ukuthetha ngezityholo - kodwa uthe liyeza ixesha lakhe kwaye ukulungele ukukhwela eqongeni.
Zimbini ezona zinto ekufuneka ezicacisile: kukuba kwakutheni aze abhangise ibutho lophando KwaZulu-Natal ngaphandle kwezizathu ezivakalayo futhi engenalo igunya.
Okwesibini kufuneka acacise okumdibanisa nosomashishini waseNorth West ekuthiwa nguBrown Mogotsi okuvele kwiincoko zikaWhatsApp ukuba ebezazi iindaba zamaPolisa noxa engeyonto emaPoliseni.
Nakubeni kukho ingxokolo, uMchunu uqhubela phambili nobomi bakhe. Uyinxalenye yeenkokeli zeAnc ezibambe intlanganiso entsukuntathu eGauteng.
Waye wanikwa ikhefu elikhethekileyo nguMongameli kude kugqitywe uphando. UFikile Mbalula uqinisekisile kwiiveki ezidlulileyo ukuba uMchunu uza kuthawuziswa kwikomiti yoluleko yeAnc njengabanye abantu.