Abantu belizwe loMzantsi Afrika bavuswe ngeendaba ezimbi namhlanje. Oku kulandela emva kokuba kuvakele iindaba ezithi kubhubhe abantu abahlanu kwaphinda konzakala abathandathu. Ingxelo yamapolisa ithi kungene amadoda angaziwayo kwindawo yentselo eZithobeni, eBronkhorstspruit, ekuseni kakhulu namhlanje. Afike adubula kwabhubha abantu abanye banzakala.