Iindaba

UXolani Khumalo ngumgqatswa weAction SA, kwesikasodolophu Ekurhuleni Municipality!

Pedro Mapelo|Published

UXolani Khumalo ngumgqatswa weAction SA kwisikhundla esiphambili Ekurhuleni Municipality

Image: Facebook

Amaqela ezopolitiko sele eqaleni ukulungiselela ulonyulo loomasipala. Emva kweDemocratic Alliance esele ibhengeze amagama wabantu abaza kukhokela oomasipala abathile, iAction SA izeke emzekweni ngokuphakamisa uXolani Khumalo njengomntu wayo oza kuba ngusodolophu Ekurhuleni Municipality ukuba iyaphumelela.

UKhumalo litshantliziyo elaziwayo eMzantsi Afrika ngenxa yokulwa iziyobisi abekwenza eminyakeni edlulileyo. Bothukile abantu abaninzi ngoba ebengekho kwipolitiki. Kungenzeka iAction SA itsale abantu abaninzi ngokukhokelisa yena kwindawo efana naseKurhuleni eneengxaki ezingapheliyo.