UDumisani Khumalo, okwicandelo lezobuntlola, ucacise indlela abantu abathile abaphazamisa ngayo ukuphandwa kwamatyala.
Image: Independent Media
Injengele yamapolisa kwicandelo lezobuntlola, uDumisani Khumalo, uveze ubungqina obunzulu ngolwaphulomthetho olwenziwa ngabantu abahlanu kwiphondo laseGauteng. NgokukaKhumalo, kukho igqiza labantu abenza ulwaphulomthetho oluquka ukuxhwilwa nokuthengiswa kwabantu, ukoxuthwa kweemoto, urhwaphilizo nokubulawa kwabantu okwenzeka eGauteng.
UNjengele Khumalo ngumntu wesine onike ubungqina kwikomishini kaMadlanga ephanda izityholo zolwaphulomthetho eza xelwa nguNhlanhla Mkhwanazi oyiNjengele kwiphondo laKwaZulu-Natal. Intloko yezobuntlola iveze agama kaKatiso Molefe noVusimuzi Matlala njengabantu abaphakathi koosomashishini abenza ulwaphulomthetho olucwangcisiweyo.
Kuthiwa aba benzi bolwaphulomthetho basebenzisana nabantu abakwezopolitiko. UKhumalo uthe akhona amaxwebhu abonisa ukubandakanyeka kwabantu abakwipolitiki kulwaphulomthetho olucwangcisiweyo. Omnye usomashishini oxeliweyo nguBrown Mogotsi ekuthiwa uxhasa ngemali uSenzo Mchunu onguMphathiswa onikwe ikhefu kude kusongwe uphando.
UKhumalo uphinde waveza ubungqina bukaWhatsApp obubonise abantu abancokola noVusimuzi Matlala ngolwaphulomthetho. Phakathi kwabo bantu nguBrown Mogotsi otyholwa ngokuphazamisa uphando lamatyala amakhulu aphandwa ngamapolisa. Kuthiwe uMogotsi uxhasa iANC.
"Ubungqina bubonisa ukuba uMogotsi uxhasa uMphathiswa wamapolisa neANC," utshilo uNjengele uKhumalo, olebele ngelithi uza kuveza obunye ubungqina obufunyenwe emnxebeni ophathwayo kaMogotsi.
UMongameli Cyril Ramaphosa wasungula ikomishini ekhokelwa yijaji uMbuyiseli Madlanga emva kokuba uGen. Nhlanhla Mkhwanazi waxela ukuba uMphathiswa wamapolisa, uSenzo Mchunu, usebenzisana nabophulimthetho abaphazamisa ingalo yomthetho. Enye yezinto awakhala ngazo uMkhwanazi kukubhangiswa kweqela labacuphi elaliphanda amatyala ababulawa ngenxa yezopolitiko KwaZulu-Natal.