Iindaba

Akasekho emhlabeni uNathi Mthethwa obengunozakuzaku eFrance!

Pedro Mapelo|Published

UNathi Mthethwa, obengunozakuzaku kwilizwe laseFrance, kuthiwa akasekho emhlabeni.

Image: Facebook

Iindaba ezingena ngale njikalanga zithi owayenguMphathiswa wamapolisa, uNathi Mthethwa, ubhubhile. Oku kudizwe liphephendaba laseFrance ekuthiwa yiLe Parisien.

Kuthiwa umzimba wakhe ufumaneke namhlanje kwaye kubonakala ngathi ukuziphose phantsi esuka phezulu kwihotele ebekuyo eParis. UMthethwa usweleka engunozakuzaku woMzantsi Afrika kwilizwe laseFrance.

Kuthiwa ugqityelwe ukubonwa esidlangalaleni emcimbini kaRhulumente kwilizwe laseFrance obubanjelwe eLongueval, eFrance. Akukabikho elikhutshiweyo lusapho ngesiganeko esivakeleyo. Nayo iAfrican National Congress ayikakhuphi lizwi noRhulumente woMzantsi Afrika.

UMthethwa waba lilungu lesiqgeba esiphezulu kwiANC ukusukela ngonyaka ka2007 ukuya ku2022. Emva koko waye wangumphathiswa wamapolisa phantsi kukaMnu. Jacob Zuma owayenguMongameli ngoko.

Usweleka emva kokuba uGen. Nhlanhla Mkhwanazi ebize igama lakhe kwimishini kaMadlanga njengomnye umntu owazama ukulukuhla ipolisa eliphezulu ukuze angabekwa ityala uRichard Mdluli owayekhokele kwezobuntlola kusakhokele uZuma.