Izigadla ezimbini zishwabanise iteksi kwasweleka inkitha yabantu kwiphondo laseLimpopo.
Image: Facebook
Abantu bephondo laseLimpopo naseMzantsi Afrika bothuswe ziindaba ezimbi ngenjixukuxa yangoMvulo, umhla wama29 kweyoMsintsi 2025. Oku kulandela ukuvakala kwesithwakumbe sengozi yezithuthi esube imiphefumlo yabantu abalishumi elinesithathu kwindlela ekuthiwa nguR81, eGa-Sekgopo phakathi kweMooketsi nePolokwane.
Iingxelo zamajelo eendaba zithi kutshayisene iteksi nezigadla ezibini. Bonke abantu abaswelekileyo bebengaphakathi eteksini ebisuka ecaweni eSolomondale isiya elalini ekuthiwa yiMagoro. Ngenxa yengozi, uR81 uye wavalwa.
Kuthiwa abaswelekileyo ngoomama abalishumi elinambini nomntana oyintombazana oneminyaka esixhenxe. Isebe leZothutho lithe liza kuzikhupha iinkcukacha emva kokwaziswa kweentsapho zabantu abaswelekileyo. Akukacaci kakuhle ukuba yenziwe yintoni ingozi.