Iindaba

INkunzencane iza kuyaluzelisa abantu ngeengoma ezintsha eBizana!

Pedro Mapelo|Published

Inkunzencane ngunyana kaNkunzemdaka obhala eyakhe incwadi emculweni kaMasikhandi.

Image: Uthunyelwe

'Igqabi aliweli kude emthini walo', atsho amaciko olwimi lesiXhosa. Eminyakeni emininzi egqithileyo, emculweni wesiNtu ekuthiwa nguMasikhadi bekuggugqisa amadoda amakhulu aziwayo aquka uNkunzemdaka.

Kodwa ekuhambenikwexesha kuntshule ikhaba elitsha leemvumi. Phakathi kwezo mvumi kukho unyana wakhe owaziwa emculweni ngegama elithi 'Inkunzencane'. Igama lakhe lokuzalwa nguSilungile Mralatya, 28, owagqiba kwelokuba alandele ekhondweni - hayi kuba elinganisa - kodwa kuba enayo italente.

Ngoba umnculo kamasikhandi ibiyinto esekhaya, kuye kwabalula kwiNkunz'encane ukuba ingene kuwo. "Isizathi esenza ndilande umaskandi kukuba ndikhule ngawo umculo kwaye siphila ngawo ekhaya," itshilo iNkunzencane ithetha nentatheli yeli phephandaba.

"Umculo wangena kanjalo nabantu bandithanda ngoba ndiphakamisa imbali katata wam. Icwecwe lam lokuqala ndilikhuphe ngonyaka ka2018. Isihloko salo sithi: 'Ephalamendi'. Ndaphinda ngo2020 ndalandelisa ngengoma ethi 'Ndimkhumbule izintle'," utshilo unyana kaNkunzemdaka.

Khange kuphelele apho ngoba uye wakhupha amanye amacwecwe omculo wakhe esebenzisana noogxa bakhe emculweni. "Ngonyaka ka2020 ndakhupha ingoma ethi 'Lisakhanya' - apho ndandihamba noQhoshangokwenza ozakhele igama elihle emculweni kwiphondo laKwaZulu-Natal.

"Ngoku ndikhuphe umsebenzi wam omtsha fuhi omnandi kakhulu. Ndicela abantu bawumamele kumaqonga omculo afana noYouTube, uSpotify nezinye iindawo. Umculo wam umnandi futhi unesingqi," itshilo Inkunz'encane.

Ngomso Inkunz'encane iza kuyaluzelisa kamandandi abantu ngeengoma ezintsha emsithweni oza kube useBizana kwindawo ekuthiwa kuseMbhobheni. "Ndizoqala ndibonge kumndeni waseBizana endaweni ekuthiwa kuseMbhombheni ngokundithemba futhi undinike ithuba lokusebenza nawo.

"Ndiyalibulela ithuba lokonwabisa abantu endilinikiweyo kakhulu. Siza kwenza ezibukwayo neqela lam. Umcimbi siwulungiselele ngokupheleleyo," itshilo Inkunz''encane ichwayitile phambi komcimbi ongomso (Mgqibelo).