Iindaba

Indoda enikwe ingqawule ibanjwe nompu ongenampepha eMthatha

Cwayita Nondula|Published

Umpu owafunyanwa kumrhanelwa.

Image: SAPS

Amapolisa eqela lesithili iOR Tambo elijongene nokuthintelwa kokubiwa kwemfuyo abambe umrhanelwa oyindoda, 36, waseLwandlana, eTabase, eMthatha ngoLwesibini umhla wama23 kweyoMsintsi 2025, ngokuba nompu ongekho mthethweni nofunyenwe eneembumbulu ezimbini.

Oku kubanjwa kwenzeke malunga nentsimbi yeshumi ebusuku, umpu ofunyenwe kumrhanelwa unenombolo yesiriyeli ecinyiweyo, ngokokutsho kwesithethi samapolisa uKapteni Welile Matyolo.

UMatyolo uthi eli qela lalinencwadi egunyazisa ukugqogqa kwaza kwathi xa ligqogqa ikhaya lomrhanelwa, lafumana umpu wohlobo lwe9mm Norincho, kwaye kwavela ukuba umrhanelwa oneminyaka engama36 ubudala wakhululwa ngengqawule kweyoMsintsi ka2024 emva kokufunyanwa enetyala lobusela bemfuyo.

"Uvalelwe kwisikhululo samapolisa eMthatha kwaye uza kuvela phambi kweNkundla kaMantyi eMthatha ngoLwesine, umhla wama25 kweyoMsintsi 2025, ngezityholo zokuba nompu kunye neembumbulu ezingekho mthethweni," utshilp.

UMkomishinala weSithili saseOR Tambo, uMajor General Norman Modishana uliqhwabele izandla eli gqiza ngempumelelo yalo ekufumaneni umpu nokubamba umrhanelwa ngeenjongo zokhuseleko lwabantu kwesi sithili. "Ukuthinjwa kwemipu engagunyaziswanga ezilalini nasezitalatweni zesithili sethu kuqinisekisa ukuzibophelela kwethu ekuqinisekiseni ukuba lonke uluntu lukhuselekile ," utshilo uModishana.