Iindaba

Ukutya onokukupheka ngolu suku lwamagugu namafa

Cwayita Nondula|Published

Usuku lwamagugu namafa lusuku apho kubhiyozelwa iinkcubeko ezahlukeneyo eMzantsi Afrika. Inkcubeko nganye inezinxibo zayo zesiNtu ezizodwa, iilwimi, imbali etyebileyo, iimpawu zesiNtu ezinjengemidaniso kunye neengoma, kwakunye nokutya. Abantu babhiyozela olu suku ngokunxiba isinxibo sesiNtu okanye ukupheka ukutya kwesiNtu. Naku ukutya kwesiNtu okuhlanu onokukupheka ngolu suku lwamagugu namafa.

Ulusu

Ulusu.

Image: Onyx Food Hill/YouTube

Oku kutya kubhetele xa imozulu ibanda, ukutyeba kwayo kuya kufudumeza isisu sakho. Nangona kunjalo, naxa imozulu ishushu abantu bayawupheka ulusu kuba umnandi ukhothisa iminwe. Abantu bangatya ulusu ngeentlobo ngeentlobo zezonka (isonka sevenkile, isonka samanzi okanye isonka sombhako), umngqusho omhlophe okanye umngqusho oneembotyi okanye ipap.

Umngqusho

Umngqusho.

Image: Pick n Pay

Unokukhetha ukutya umngqusho wakho uze okanye ungenazo izinto ezininzi, uzithi tyiwa neziqholo kuphela – okanye ungamenza ube nemifuno ubemhle – kukuwe. Umngqusho uthandwa kumakhaya amaninzi amaXhosa ngabantu abadala nabancinci. Kulula kakhulu ukupheka umngqusho, qinisekisa nje ukuba uvuthiwe.

Umphokoqo

Umphokoqo.

Image: Toby Murphy/Woolworths Taste

Kulula kakhulu ukupheka umphokoqo kwaye kuthatha ixesha elincinci. Abantu bayakuthanda ukutya umphokoqo xa imozulu ishushu, kodwa kukho abantu abawutya naxa kubanda. Uwutya namasi kodwa kukho abantu abathando lo wesonka esicujiweyo esivutyiswa namasi. Vubisa uphole engqondweni.

Umfino

Umfino.

Image: Toby Murphy/Woolworths Taste

Esi sisidlo esenziwe ngesipinatshi, ikhaphetshu kunye nomgubo wombona nesithandwa nangamakhaya amaninzi. Kulula nokupheka umfino njengoko umgubo wombona uyinxalenye yegrosari yeentsapho ezininzi kwaye amaxesha amaninzi izipinatshi yimifuno etyalwa kwiigadi zamakhaya amaninzi aseMpuma Koloni.

Umqa

Umqa.

Image: Onezwa Mbola/YouTube

Esi sidlo senziwe ngethanga kunye nomgubo wombona. Oku kutya kuphekwa ngendlela efanayo nomfino. Abantu abadala basoloko besithi bebekutya kakhulu oku kutya besakhula. Zama esi sidlo simnandi usipheke.

Yabelana nathi ngokutya kwesiNtu oza kupheka ngalo mini. Sithumelele imifanekiso kuWhatsApp.