UXavier Makaai olahlekileyo.
Image: SAPS
Amapolisa acela uncedo kuluntu ukuba afumane indoda, 50, ebifanele ukuya eMpuma Koloni ngebhasi esuka eFreyistata kodwa ayizange ikhwele ibhasi okanye ifike apho ibisiya khona.
Abecuphi baseZamdela eFreyistata bafuna uncedo loluntu ngokukhangela uXavier Makaai. Ngokwesithethi samapolisa, uSajini Josephine Rani, udade kaXavier utyhola ngelithi ngoMvulo, umhla we18 kweyeKhala 2025 malunga nentsimbi yeshumi kusasa, uXavier wemka kwindawo ahlala kuyo eCoalbrook esingise eMpuma Koloni, kodwa akazange afike kwindawo awayesingise kuyo.
"Lo sisi uqhube wathi kwangalo mini, waqhagamshelana nenkampani yeebhasi ebekufanele ukuba ikhwele ubhuti wakhe, kodwa akwabikho ngxelo yokukhwela kwakhe ebhasini, kwaye usapho lwaseMpuma Koloni laqinisekisa ukuba akazange afike," utshilo uRani.
Kuthiwa uXavier wagqityelwa ukubonwa enxibe ihoodie egreyi, ibhulukhwe yetracksuit egreyi, kunye neetekkie ezimhlophe.
Amapolisa acela ukuba nabani na omaziyo ukuba uphi uXavier aqhagamshelane noDetective Constable Nthabiseng Shwaeng ku082 301 3022 okanye iCrime Stop ku08600 10111. Kungenjalo, abantu banokuthumela imiyalezo bengazixelanga ukuba bangoobani ngeMySAPS App.