Umbutho iDemocratic Alliance uthi uGayton McKenzie akazikhathaleli iimbaleki namagcisa ngendlela abanga ngayo.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Umbutho iDemocratic Alliance (DA) utyhola uMphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko, uGayton McKenzie, ngokungakhathali ngeembaleki namagcisa oMzantsi Afrika, "ngelixa esithi uyawaxhasa."
ULeah Potgieter nosisithethi seDA kwimiba yezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko uthe iminyhadala kwilizwe ngokubanzi, equka iKKNK, Woordfees, Suidoosterfees, Aardklop, Innibos, Vrystaat Kunstefees kunye neNational Arts Festival, zathenjiswa esidlangalaleni inkxaso nguMphathiswa uMcKenzie.
"Ukanti, emva kokurhoxiswa kwenkxaso-mali ebisele ikho, le minyhadala yaxelelwa nguMphathiswa ngokwakhe ukuba zifake isicelo sengxowa-mali yeMzansi Golden Economy (MGE), kodwa zakhatywa izicelo ezazifakiwe yile minyhadala.
"Iminyhadala esekiweyo enembali eqinisekisiweyo yokudala imisebenzi ishiywe kubunzima bezemali ngaphandle kwesilumkiso.
"Ukwenza izinto zibe mbi ngakumbi, uMphathiswa uMcKenzie wafaka amalungu ePatriotic Alliance kwiqela leMGE, kuquka nesithethi sikazwelonke sombutho wakhe, kunye nomntu [wombutho] ojongene nemibuzo yoqhagamshelwano ngenkxaso-mali yomnyhadala. Olu lungquzulwano olukhulu kunye nokungenelela kwezopolitiko," utshilo uPotgieter.
UPotgieter ukwatyhola iCFO yeSebe ngokulahlekisa iKomiti yePalamente. "Xa ebuzwa ukuba inkxaso-mali yabiwe ngokutsha, wathi hayi. Kuphela kuxa wayebuzwa ngolwabiwo lweVAR, olwalungeyonxalenye yohlahlo lwabiwo-mali lokuqala, apho wavuma khona ukuba wagunyazisa ulwabiwo, ngaphandle kokuchaza ukuba phantsi kweliphi igunya okanye kutheni iPalamente noluntu bengaxelelwanga," utshilo.
IDemocratic Alliance imemelele uMphathiswa uMcKenzie ukuba: