Iindaba

Unoteksi udutyulwe wabulawa ezama ukunqanda isela eMdantsane

Cwayita Nondula|Published

Umphathi weeteksi udutyulwe wabulawa ezama ukunqanda unqevu eMdantsane otyholwa ngokuba ikhopha.

Image: Pixabay

Amapolisa acela uluntu ukuba luze ngaphambili nalo naluphi na ulwazi olunokukhokelela ekubanjweni komrhanelwa eMdantsane emva kokuba kudutyulwa kwabulawa umphathi weeteksi (47) ngempelaveki ezama ukunqanda unqevu obesiba ikhopha kwindlu yakhe eseNU9 Mdantsane, eMonti.

Esi sehlo senzeke ngoMgqibelo umhla weshumi elinesine (14) kweyoMsintsi 2025. Ngokwesithethi samapolisa uKapteni Hazel Mqala, umntu ohlala kwindlu yalo mphathi weeteksi umxelele ngomrhanelwa oba ikhopha kwindlu yakhe kwaNU9, eMdantsane.

"Umfi ufike emzini wakhe waya kuphanda nalapho empheke ngemibuzo umrhanelwa waphika waze umfi wazama ukumsa kwisikhululo samapolisa.

"Umrhanelwa emva koko wahlutha umpu womfi obusesinqeni sakhe wamdubula kumzimba ongasentla. Waleqa umrhanelwa wamtshayisa ngesithuthi sakhe, wawa phantsi [umrhanelwa] kodwa wathathisa wabaleka wayotshona erhangeni," utshilo uMqala.

Kuthiwa xa kufika umntu ohlala kulo mzi ecaleni kwemoto yalo mphathi weeteksi, wamfumana elele kwivili lokuqhuba, emcela ukuba afowunele inqwelo yezigulana.

"Uzamile ukufumana imoto eza kumsa esibhedlele, kodwa xa ifika imoto, bamfumana ephumile emotweni elele phantsi sele ebhubhile," utshilo uMqala.

Amapolisa aqinisekisile ukuba ityala lokubulala livuliwe kwaye uphando luyaqhubeka.

Amapolisa abongoza uluntu ukuba luncedise ngolwazi okanye apho akhoyo umrhanelwa obandakanyeka kwityala lokubulala. Abantu banokuqhagamshelana nenombolo yeSAPS Crime Stop ethi 08600 10111 okanye baye nakwesiphi na isikhululo samapolisa esikufutshane. Lonke ulwazi luya kuthathwa njengemfihlo.