Iindaba

Umama kaMabuyane ulandulele eli

Cwayita Nondula|Published

Umama uNolandile Mabuyane olandulele eli,

Image: Uthunyelwe

Umama uNolandile Mabuyane (79) nongumama weNkulumbuso yeMpuma Koloni uLubabalo Oscar Mabuyane, ubhubhe ngentsasa yangoLwesibini umhla we16 kweyoMsintsi 2025, kulandela ukugula ixesha elide.

Urhulumente wephondo uthumele amazwi ovelwano.

Othethe egameni likarhulumente wephondo, uKhuselwa Rantjie, uthe: "Siyayiqonda into yokuba ukusweleka kukamama kubuhlungu kakhulu, kuba uthando lukamama kunye neqhina lakhe azinakuthathelwa indawo.

"UMama uMabuyane, nowaziwa ngelikaMaMbathane, uza kukhunjulwa njengenkosikazi enesidima nenkolo, nemigaqo neemfundiso zakhe zithe gqolo ukuvakala kubomi bonyana wakhe ophila ubomi bokukhonza iphondo nesizwe.

"Ilifa lakhe alibonakali kusapho lwakhe kuphela kodwa nakubomi obuninzi obuchatshazelwe ngokungangqalanga bubunkokeli nenkonzo yoluntu yeNkulumbuso uMabuyane."

Urhulumente wephondo uthe umi nkqi ecaleni kosapho lakwaMabuyane, unika inkxaso, uvelwano, nemithandazo yokuthuthuzela ngeli xesha lentlungu.

"Yanga iNkulumbuso nosapho lwayo bangafumana ukuthuthuzeleka kuthando nenkxaso yezihlobo, oogxa, abemi bakuthi, nokuba bafumane amandla kulwazi lokuba abaluhambeli bodwa olu hambo lwentlungu," utshilo uRantjie.

I-ANC eMpuma Koloni ikwathumele amazwi ovelwano kwiNkulumbuso. "Sidlulisa amazwi ovelwano kuMabuyane nosapho ngokusweleka kwale nkondekazi ebithandwa kakhulu.

"Yanga bangafumana amandla okumelana nobunzima obuziswa sesi siphelo. Iingcinga nemithandazo yethu ikusapho kweli xesha linzima," sitshilo isithethi seANC eMpuma Koloni uGift Ngqondi.