UKhazimla Pinda olahlekileyo.
Image: SAPS
Amapolisa aseMotherwell, eGqeberha, akhangela uKhazimla Pinda (17) oneenyanga ezimbini elahlekile.
Icandelo lamapolisa elijongene nobundlobongela bosapho, ukhuseleko lwabantwana kunye namatyala ezesondo (FCS) eMotherwell likhangela uKhazimla owagqityelwa ukubonwa kwinyanga yeKhala kulo nyaka.
"Wagqityelwa ukubonwa ngomhla we15 kweyeKhala 2025 kwindawo yamatyotyombe eNU9, eMotherwell apho ahlala khona ngaphambi nje kokuba abaleke ekhaya. Wachazwa njengolahlekileyo ngumama wakhe nge17 kweyeThupha 2025," oku kuthethwe sisithethi samapolisa uKapteni Andre Beetge.
Nabani na onokunceda amapolisa ngolwazi olunokunceda ukumfumana, angatsalela umcuphi eMotherwell FCS, uDetective Constable Feni kule nombolo 083 746 4899 okanye atsalele umnxeba ku08600 10111.