Iindaba

Abarhanelwa abasibhozo babanjelwe ukwenza utywala obungekho mthethweni eAmalinda

Cwayita Nondula|Published

Utywala obungekho mthethweni obahluthwa ngamapolisa eAmalinda eMonti.

Image: SAPS

Kule mpelaveki idlulileyo ngoMgqibelo, amapolisa abambe abarhanelwa abasibhozo abaphakathi kwe19 ukuya kuma35 besenza utywala kwindlu ethile eAmalinda, eMonti, ababeyisebenzisela ukwenza utywala obungekho mthethweni.

Ukubanjwa kwaba barhanelwa kuza emva kwephulo lobuntlola elalinamalungu aphantsi kwePublic Order Policing, DPCI, Local Criminal Record Centre (LCRC) namapolisa asekuhlaleni. Bakwathimbe utywala obungekho mthethweni obenziwa kule ndlu yaseAmalinda.

Utywala obungekho mthethweni obahluthwa ngamapolisa eAmalinda eMonti.

Image: SAPS

Isithethi samapolisa uLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa uthi amapolisa afumene ulwazi malunga nezenzo ezirhanelekayo kwindlu ethile eAmalinda eMonti kwaye babekwa phantsi kweliso elibukhali. Olu lwazi lwaziswa ngokukhawuleza kumalungu ePublic Order Policing ngesigunyaziso sokugqogqa ukuze kuthathwe amanyathelo.

"NgoMgqibelo umhla we13 kweyoMsintsi 2025, eli qela lilandele iinkcukacha kwaye ekufikeni kwalo lafumana abarhanelwa abasibhozo abaneminyaka ephakathi kwe19 ne35, ngelixa besenza utywala kwaye bonke bavela KwaZulu-Natal. Babanjwa ngoko nangoko," utshilo uMawisa.

Utywala obungekho mthethweni obahluthwa ngamapolisa eAmalinda eMonti.

Image: SAPS

Kuthiwa ngexesha lophando amapolisa abhaqe oomatshini bokudidiyela, iifatyi ezinkulu, kunye neebhokisi zotywala ezivaliweyo nezixabisa ngaphezulu kwesigidi seerandi. Abarhanelwa kulindeleke ukuba bajongane namatyala anxulumene nokwaphulwa komthetho woTywala kunye noMthetho weeMpahla zoMgunyathi.

Abarhanelwa abasibhozo baza kuvela phambi kwenkundla kamantyi waseMonti kungekudala.