Iindaba

Ababesebenza emigodini bayabongozwa ukuba bangaphoswa yimbuyekezo

Cwayita Nondula|Published

Abantu baseMpuma Koloni ababesebenza emigodini nabanezifo ngenxa yomonakalo osisigxina wemiphunga ngenxa yomsebenzi wabo bayabongozwa ukuba bafake izicelo zembuyekezo.

Image: Freepik

ITshiamiso Trust imise iintente eQonce naseGcuwa kule veki ihambisa iinkonzo zembuyekezo eMpuma Koloni kubantu ababesebenza emigodini abathe bafumana umonakalo osisigxina wemiphunga ngenxa yezifo ezibangelwa ngumsebenzi wabo – izifo ezifana nesilicosis nesifo sephepha.

Lo msebenzi wokufikelela eluntwini uya kuzisa iinkonzo kubafaki mabango abalindele ukwenza iimvavanyo zeBenefit Medical Examinations (BME), uya kukhuthaza ukufakwa kwamabango amaninzi, kwaye ukhuthaze abo bafaka amabango abafuna ukuhlaziya iinkcukacha zabo zoqhagamshelwano okanye bangenise amaxwebhu angekangeniswa ukuba benjenjalo.

ULusanda Jiya oligosa lezobudlelwane nonxibelelwano, iStakeholder Relations and Communications Executive ngelasemzini, uvakalise oku: "ITrust inochulumanco ekuqaliseni iphulo lokufikelela eluntwini elicwangcisiweyo eMpuma Koloni ukunceda abafaki mabango abaninzi kangangoko kunokwenzeka kwiphondo liphela. Kwindawo nganye esiyindwendwelayo, abantu abafuna ukufaka amabango baya kukwazi ukufaka amabango amatsha kwaye benze iiBME. Iqela liya kufumaneka kwakhona ukunika inkxaso kumabango asele ekho."

Inqanaba lokuqala lezi nkonzo kweli phondo liqale kule nyanga yoMsintsi eSterkspruit ngomhla we10 ukuya kowe11 kweyoMsintsi, laya kuKomani ngomhla we12 nowe13 kweyoMsintsi. Ngoku eli qela liseQonce ngomhla we15 nowe16 kweyoMsintsi, liza kuya eGcuwa ngomhla we17 nowe18 kweyoMsintsi.

Iqela liseQonce namhlanje nangomso [ngoLwesibini] kwiiofisi zakwaTEBA, 1 Bridge Street, Westbank. EGcuwa baza kube bephaya ngoLwesithathu nangoLwesine wale veki kwiholo yoluntu eCuba ngaseNolitha Secondary School.

Ukuthintela imigca emide, iTshiamiso Trust ithe iintsuku zokuqala kwindawo nganye ziya kwenzelwa abo bashiya imigodi yegolide yaseMzantsi Afrika ngaphambi kuka1995, balandelwe ngabo babesebenza emva konyaka u1996.

"Uvavanyo lwezonyango lweeBenefit Medical Examinations linyathelo elibalulekileyo kwinkqubo yamabango. Ibonelela ngobungqina obuyimfuneko bomonakalo wemiphunga obangelwa yisilicosis okanye isifo sephepha esibangelwa ngumsebenzi wabo – izifo ezibini ethi iTrust ibuyekeze phantsi kwemiqathango ethile," itshilo kwingxelo.

Aba ngabantu abafanelekileyo ukufaka amabango:

  • Abasebenzi basemgodini kufuneka ukuba benze umsebenzi womngcipheko komnye wemigodi yegolide engama82 (ephethwe yiAfrican Rainbow Minerals, Anglo American South Africa, AngloGold Ashanti, Harmony Gold, Sibanye Stillwater okanye iGold Fields) ngexesha lokufaneleka phakathi kwe12 kweyoKwindla1965 kunye ne10 kweyoMnga 2019 ebonakaliswe kwishedyuli F yeTrust Deed.
  • Abasebenzi basemgodini abasaphilayo kufuneka babenomonakalo osisigxina wemiphunga ngenxa yesilicosis okanye iTB abayifumanayo ngelixa besenza umsebenzi womngcipheko kule migodi, kunye neendlela ezithile zovavanyo ezichazwe kwiShedyuli H yeTrust Deed.
  • Kubasebenzi basemgodini abangasekhoyo, kufuneka kubekho ubungqina bokuba iTB yayingoyena nobangela wokusweleka kwisithuba sonyaka wokushiya umgodi (ukuba umsebenzi wasemgodini usweleke phambi komhla we10 kweyoMnga 2019), okanye ubungqina bokuba banesililicosis (nobufanelekileyo ukuba babhubha emva kwe1 kweyoMqungu 2008) okanye babulawa yisililicosis.

Kuthiwa le nkonzo isimahla kwaye ekuphela kweendleko abantu abafaka amabango abanokufuneka bazihlawule yiR1400 yeBME – kuphela ukuba benze umsebenzi ongaphantsi kweminyaka emihlanu womngcipheko. Nangona kunjalo, ezi ndleko ziza kubuyiselwa kwakhona kubo ukuba bafunyenwe benebango elifanelekileyo.

Ngeenkcukacha ezithe vetshe, abantu abafuna ukufaka amabango bangatsalela umnxeba kule nombolo 080 1000 240 okanye bathumele umyalezo kuWhatsApp ku078 504 9004, bangathumela umyalezo wabucala kuFacebook (Tshiamiso Trust - Silicosis Settlement) okanye bathumele umyalezo nge-imeyile (info@tshiamisotrust.com).

Abantu bayakhuthazwa ukuba batsalele umnxeba iTshiamiso Trust okanye bajonge ikhasi labo likaFacebook (Tshiamiso Trust - Silicosis Settlement) rhoqo ukuze bafumane unxibelelwano oluthe kratya kunye nohlaziyo.