Iindaba

iNPA iza kuphinda ivule uphando ngokubhubha kukaSteve Biko

Sinenhlanhla Masilela|Published

IGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) liza kuphinda livule uphando ngokubhubha kukaSteve Biko ngo1977.

Image: Black Agenda Report

IGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) liza kuphinda livule uphando ngokubhubha kwenkokeli yeBlack Consciousness Movement uSteve Biko ngo1977.

Olu phando luza kuvulwa kwakhona ngoLwesihlanu, umhla we12 kweyoMsintsi 2025, oku kulandela imvume yoMphathiswa wezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko nokwaxhaswa ngabameli bosapho lakwaBiko.

Ebutsheni balo nyaka, uMongameli uCyril Ramaphosa ubhengeze ukusekwa kwekomishoni eza kuphanda ukuba ngaba amalinge enziwa ukuthintela uphando okanye ukutshutshisa ubugebenga bexesha localucalulo.

Oku kuza emva kokuba igqala lentatheli uLukhanyo Calata, ongunyana kaFort Calata, omnye wamatshantliziyo amane awayechasene nocalucalulo aseCradock, nabulawa ngurhulumente ngo1985, ekunye nezinye iintsapho ezihambisana neFoundation for Human Rights (FHR) bezisa umngeni phambi kweNkundla ePhakamileyo yaseNorth Gauteng ePitoli ngokunyhashwa kwamalungelo oluntu phantsi kolawulo localucalulo.

La matyala, nathunyelwe yiKomishoni yeNyaniso noXolelwaniso (TRC) kwiGunyabantu lezoTshutshiso, kudala engunobangela wonxunguphalo kumaxhoba, iintsapho zawo, kunye nabathetheleli bamalungelo oluntu.

Ethetha neIOL ngaphambili, uCalata uthe njengeentsapho, bayavuya kuba uRamaphosa ede wabhengeza isigqibo sokuseka ikomishini yophando.

"Ngoku kufuneka abhengeze ngokukhawuleza imiqathango, ijaji iyoyichophela kwakunye nomhla wokuqalisa. Njengeentsapho, sizilangazelele izinto eziza kudizwa ukuze sifumanise ubunyani bokuba ngoobani na kurhulumente weANC abaphazamisana nomsebenzi weNPA ukunqanda ukutshutshiswa kwababulala ootata bethu," utshilo.

UCalata uthe eli linyathelo elisingise kubulungisa nokufumana uxolo.

"Izenzo zabo ezimnyama nezimbi kufuneka zibhentsiswe. Eli lelinye inyathelo elibalulekileyo lokunceda iintsapho ekudala zisentlungwini kuhambo lwazo olusingise enyanisweni, ubulungisa, noxolo."