Iindaba

Ubanjiwe obedlisela ngompu agrogrise abantu eNcembu

Cwayita Nondula|Published

Umpu ofunyenwe ngamapolisa.

Image: SAPS

Umrhanelwa (59) otyholwa ngokudubula umpu wakhe ebusuku egrogrisa abantu ubanjelwe ukuba nompu ongenampepha kunye neembumbulu eNcembu. Ukwatyholwa ngokubandakanyeka kubusela bemfuyo kula ngingqi.

Iqela lesithili saseJoe Gqabi elijongene nokubiwa kwemfuyo kutshanje liqhube iphulo kwindawo yaseNqanarhu (ngaphambili eyayisaziwa ngokuba yiMaclear) naseUgie elivelise impumelelo.

Isithethi samapolisa uKapteni Ursula Roelofse uthi ngomhla wesine kunye nowesihlanu kweyoMsintsi 2025, ngethuba igqiza lamapolisa lixakekile liphulo lalo, lifumene ulwazi ngomrhanelwa waseNcembu onompu kunye neembumbulu ezingenampepha.

"Kutyholwa ukuba umrhanelwa uvele adubula nje ebusuku egrogrisa abantu ngalo mpu kwaye ukwatyholwa ukuba uyabandakanyeka kubusela bemfuyo. Olu lwazi lwalandelwa kwaza kwagqogqwa ikhaya, kwafunyanwa umpu wohlobo lwe9mm onemagazini enye neembumbulu ezintandathu phantsi komqamelo wakhe," utshilo uRoelofse kwingxelo.

URoelofse uqhube wathi kuphando, amapolisa acele iimpepha kwaye akakwazi ukubonelela ngeempepha zalo mpu.

Umrhanelwa onamashumi amahlanu anethoba (59) ubudala, ubanjwe ngezityholo zokuba nompu kunye neembumbulu ngaphandle kwempepha.

Kwesinye isiganeko esahlukileyo, eli qela limise ibakkie yohlobo lweToyota kwindawo yaseUmga Flats nedume ngobusela bemfuyo.

"Kuphando lokuqala, kwafunyaniswa ukuba ibakkie yayithutha abantu abangenamaphepha abasuka eMozambique ekurhaneleka ukuba bayabandakanyeka kubusela bemfuyo. Abantu abasixhenxe abaphakathi kweminyaka eli18 kunye ne31 babanjiwe ngesityholo sokutyeshela umthetho i-Immigration Act," utshilo uRoelofse.

UMkomishinala wesithili saseJoe Gqabi, uMajor General Lindelwa Vellem, uliqhwabele izandla iqela elijongene nokubiwa kwemfuyo ngokubamba abarhanelwa nokuhlutha imfuyo kuba ubusela bemfuyo ilulwaphulomthetho oluphambili kwesi sithili watsho esithi izenzo zolwaphulomthetho ezibeka esichengeni amafama azisayi kunyanyezelwa.

Abantu ababanjiweyo bayakuvela phambi kweenkundla zikamantyi ngoMvulo, umhla wesibhozo kweyoMsintsi 2025.