Iindaba

Ubanjiwe oyanyaniswa nokubulawa komtshutshisi waseGqeberha

Cwayita Nondula|Published

Kubanjwe umrhanelwa oyindoda malunga nesiganeko sokubulala umtshutshisi waseGqeberha.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Umrhanelwa oyindoda (33) ubanjwe malunga nesiganeko sokudutyulwa kubulawe umtshutshisi wasetyhini (42) phambi kwekhaya lakhe eGqeberha.

Esi sehlo senzeke ngorhatya lwangoLwesine, umhla wama31 kweyeKhala 2025 kwaye amadoda amane axhobileyo kuthiwa amhlasela phambi kwekhaya lakhe kukho isithandwa sakhe.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seeHawks, uLieutenant Colonel Avele Fumba, iqela leeHawks laseGqeberha iSerious Organised Crime Investigation (SOCI) lisebenze namacandelo ohlukeneyo eSAPS ukukhangela abenzi bobubi.

"Ngeenzame zophando ezingayekiyo, iqela lichonge umrhanelwa oneminyaka engama33 ubudala oyanyaniswa nesi siganeko sokubulala. Kuye kwafunyaniswa ukuba umrhanelwa wabalekela waye eGoli kamsinya emva kwesi sehlo ngelizama ukuphepha inkqubo yobulungisa," utshilo uFumba.

UFumba uthi ngomhla wama21 kweyeThupha 2025, ngethuba abecuphi babelandela ubuntlola eGoli, kwafunyanwa iinkcukacha ezibalulekileyo ezibonisa ukuba umrhanelwa ubuyela eGqeberha.

"Ngokwenza ngokuchanekileyo, iqela lilungelelanise ukuvalwa kwendlela ngobuchule ezinzulwini zobusuku bomhla wama22 kweyeThupha 2025. Isithuthi somrhanelwa sabanjwa, kwaye wabanjwa ngempumelelo."

INtloko yeeHawks ePhondweni, uMajor General Mboiki Obed Ngwenya, uthe: "Ukubanjwa [komrhanelwa] linyathelo elibalulekileyo, kodwa ayisisosiphelo. IiHawks azizu kubavumela abaphuli mthetho ukuba bagrogrise inkqubo yezobulungisa kwaye baza kuqinisekisa ukuba bonke abo babulale [eli bhinqa] ngokungenalusini bajongana nengalo yomthetho."

Umrhanelwa oneminyaka engama33 ubudala useluvalelweni kwaye kulindeleke ukuba avele okokuqala kwinkundla kamantyi yaseGqeberha ngoMvulo wama25 kweyeThupha 2025, nalapho aza kujongana nezityholo zokubulala umtshutshisi wombuso wasetyhini.