Iindaba

Ababini babanjiwe ngokuhlasela amalungu amathathu ePalamente ePhilippi

Cwayita Nondula|Published

Abarhanelwa ababini babanjiwe ngokuhlasela amalungu amathathu ePalamente ePhilippi.

Image: Ayanda Ndamane/Independent Newspapers

Abafana ababini abaneminyaka elishumi elinesithandathu (16) neshumi elinesibhozo (18) babanjiwe malunga nesiganeko sohlaselo lwamalungu amathathu ePalamente akwangamalungu eDemocratic Alliance (DA) nesenzeke ePhilippi, eKapa emva kwemini ngoLwesibini.

La malungu mathathu ePalamente, uIan Cameron ongusihlalo weKomiti yamaPolisa ePalamente, ekunye noNicholas Gotsell noLisa Schickerling bebebuya kutyelelo lweziko loqeqesho lwamapolisa ePhilippi ngethuba behlaselwa ngabarhanelwa ngezitena.

UGotsell washiyeka enenxeba entloko kunye nokhakhayi olwaphukileyo, ngelixa uCameron efumene ukwenzakala okuncinci emilebeni yakhe kwaye udinga utyando lwamazinyo. Yena uSchickerling wenzakele entloko – ngokutsho kweIOL News.

Abacuphi baseNtshona Koloni emva kophando lwesi siganeko babambe umrhanelwa wokuqala, 18, ngorhatya lwangoLwesibini kwangolo suku lwesehlo ngethuba wayeyokufumana unyango kwiziko lezempilo eLentegeur, ngokutsho kwesithethi samapolisa aseNtshona Koloni uBrigadier Novela Potelwa.

"Kukholeleka ukuba wadutyulwa ngethuba kuhlaselwa amaxhoba amathathu xa omnye wabo babekhwele kwesi sithuthi wadubula ezama ukuzikhusela. Sithetha nje uphantsi kweliso lamapolisa esibhedlele," utshilo uPotelwa.

Umrhanelwa wesibini obanjiweyo, 16, wabanjwa eBrown Farm.

Iingxelo zokuqala ngesi siganeko zibonakalisa ukuba olu hlaselo lwenziwe ngabarhanelwa abathathu abangamadoda. Uphando luyaqhuba kwaye kulindeleke kubanjwe omnye umrhanelwa kwakhona ekuhambeni kwexesha.

Abarhanelwa bajongene namatyala okuzama ukubulala kunye nokuzama ukuphanga.