Iindaba

AbakwaSASSA baxhalabile ngokutsalwa kwezibonelelo ngokungekho mthethweni

Cwayita Nondula|Published

AbakwaSASSA baxhalabile kukutsalwa imali ngokungekho mthethweni kubaxhamli babo ziinkonzo zezimali.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

ISouth African Social Security Agency (SASSA) ivakalise ukuxhalaba emva kokuqaphela ukonyuka kwemali etsalwayo ziinkonzo zezimali kubaxhamli bezibonelelo.

ISASSA ithi bafumana izikhalazo kubaxhamli bayo besithi imali yabo yezibonelelo isoloko itsalwa ziinkampani ezahlukeneyo zeinshorensi abangakhange bazibhalisele, nabakholelwa ukuba abakwaSASSA basebenzisana nezi nkampani.

AbakwaSASSA bathi abasebenzisani nezi nkampani. Umphathi wakwaSASSA, uThemba Matlou, uyigxininisile into yokuba iSASSA ayinagunya lokuxhuzula imali yesibonelelo ngaphandle kwemvume yabaxhamli.

"Sibahlonipha kakhulu abaxhamli bethu kunye noMthetho olawula uncedo loluntu kweli lizwe kwaye soze senze nantoni na ukuqhatha abantu bethu.

"Imali yakho yimali yakho, ukuba ukulungele ukufumana isibonelelo, imali yeyakho kwaye njengoSASSA asinalungelo nagunya lokukuyalela ukuba uyisebenzise njani," utshilo uMatlou.

UMatlou uthe iSASSA ayisebenzisani neenkampani zokungcwaba kunye neinshorensi, babongoze abantu abafumana izibonelelo abaqhathwe zezi nkampani ukuba bakhawuleze batyelele iofisi yakwaSASSA ekufutshane bayokuxela lo mba ukuze kuphandwe.

Abantu abathi imali yabo itsalwa ziinkonzo zezimali abangazibhaliselanga bayabongozwa ukuba bathumele iSMS ku34548 nenombolo yesazisi kunye negama lezi nkonzo zezimali. Bakwabongozwa ukuba batyelele ezo nkampani ukuze zicime ipolisi.

Ngokuhambelana noMmiselo iRegulation 29 of Social Assistance Act of 2004, iSASSA inokuvumela ukutsalwa kwentlawulo enye kuphela ngenyanga engadlulanga kwi10% yemali yesibonelelo sentlalontle yalowo uxhamlayo kwipolisi yokungcwaba ekhutshwe yi-inshorensi ebhaliswe phantsi komthetho weLong-term Insurance Act, 1998 (Act No. 52 of 1998).

UMmiselo uthi lowo uxhamla kwisibonelelo sikarhulumente kufuneka avume ukuba kutsalwe imali ngayo nayiphi na indlela yonxibelelwano aze ayingenise [le mvume] kwaSASSA.

Kuthiwa imali exhuzulwayo yoomasingcwabane ayivumelekanga kwizibonelelo zabantwana ezifana neChild Support Grant, Care Dependency Grant okanye iFoster Child Grant. Ngokufanayo, isibonelelo seTemporary Disability Grant, asivumelekanga ukuba sitsalelwe umasingcwabane.

Ukufumana ulwazi oluthe vetshe tyelela www.sassa.gov.za okanye utsalele umnxeba ku0800 60 10 11 okanye GrantEnquiries@sassa.gov.za.