Iindaba

Amadoda amabini abanjwe nemipu engekho mthethweni eNgqeleni

Cwayita Nondula|Published

Umpu owafunyanwa uneembumbulu ngamapolisa.

Image: SAPS

Abarhanelwa ababini abangamadoda abaneminyaka engama31 nama37 babanjelwa ukuba nemipu neembumbulu ezingekho mthethweni eQhokoma, eNgqeleni, ngoLwesithathu, umhla we13 kweyeThupha 2025 ezinzulwini zobusuku.

Oku kuza emva kokuba amaqela amapolisa kwiSithili saseOR Tambo, igqiza leTactical Response kunye neReece liqhube iphulo lokugqogqa nokuhlutha okanye ukuthimba eQhokama ngezigunyaziso zokugqogqa kwiindawo ekujoliswe kuzo.

Isithethi samapolisa uKapteni Welile Matyolo uthe umpu wohlobo lweshotgun (onenombolo yesiriyali ecinyiweyo) ufunyenwe kwikhaya lomrhanelwa oneminyaka engama31 ubudala.

Imipu efunyenwe ngamapolisa.

Image: SAPS

"Eli qela emva koko laya kwikhaya lale ndoda ineminyaka engama37 nalapho kwafunyanwa khona umpu wohlobo lweshotgun nowe9mm CZ pistol (yomibini imipu yayinenombolo yesiriyali ecinyiweyo) kunye neembumbulu. Bobabini abarhanelwa babengenazo iimpepha-mvume zokuba nale mipu kwaye babanjwa ngoko nangoko," utshilo uMatyolo.

UMkomishinala weSithili saseOR Tambo, uMajor General Norman Modishana, uliqhwabele izandla iqela leTactical Response ngokubamba abarhanelwa kunye nokufunyanwa kwemipu engenampepha-mvume.

"Siza kuqhubeka ukulwa ukwanda kwemipu engagunyaziswanga okanye engavumelekanga kwisithili njengoko isetyenziselwa ukugrogrisa uluntu ngolwaphulomthetho olunobundlongondlongo olwenziweyo," utshilo Major General Modishana.

Esi sibini siza kuvela phambi kweNkundla kaMantyi eNgqeleni ngoLwesine, umhla we14 kweyeThupha 2025 ngezityholo zokuba nemipu neembumbulu ezingekho mthethweni.