Ingqesho inyukile eMpuma Koloni kwikota yesibini.
Image: Henk Kruger/Independent Newspapers
Inyukile ingqesho kwikota yesibini kwiphondo leMpuma Koloni ngemisebenzi engama89 000, oku ngokweziphumo zekota yesibini zeLabour Force Survey Results ezikhutshwe ngabakwaStatistics South Africa (Stats SA).
Amanani eStats SA akhutshwe ngoLwesibini, umhla we12 kweyeThupha 2025. Ukwanda kwemisebenzi eMpuma Koloni kuyenza ibambe indawo yesibini emva kwephondo laseGauteng elinokwanda kwemisebenzi engama95 000 kwikota yesibini.
Amacandelo angoyena nobangela wokukhula kwengqesho eMpuma Koloni aquka, urhwebo (+59 000 imisebenzi), ulwakhiwo (+21 000 imisebenzi), ezolimo (+21 000 imisebenzi) kunye nelemisebenzi yasekhaya (+20 000 imisebenzi).
Kusenjalo, imisebenzi yeeNkonzo zoLuntu neNtlalontle kunye nezoThutho zibe negalelo kwilahleko. Isithethi sorhulumente wephondo leMpuma Koloni, uKhuselwa Rantjie, uthe nangona kukho ilahleko kula macandelo, impumelelo kuRhwebo kunye neMisebenzi yaseKhaya yomelele ngokwaneleyo ukuze ibangele iziphumo ezincumisayo zengqesho kweli phondo neyinto eyamkelweyo ekufuneka bakhele phezu kwayo.
Izinga lengqesho eMpuma Koloni linyuke kancinci ukusuka ku39.3% ukuya ku39.5%. URantjie kwingxelo uthe oku kwanda kungabangelwa kukukhula kwabemi abakwixesha lokusebenza, oko kwandisa inani labantu abanokuba ngabasebenzi.
"Oku kubangelwa kukwanda kwentatho nxaxheba kwimisebenzi, kunye nabantu abaninzi abafuna imisebenzi. Ukudalwa kwemisebenzi kugxile kumacandelo ambalwa, ngokukodwa uRhwebo, iMisebenzi yaseKhaya, kunye noKwakha, nto leyo encede ukufunxa abanye babangeneleli abatsha kodwa ingengabo bonke," utshilo Rantjie.
Uqhube wathi esi siphumo sithetha ukuba ngelixa iphondo liqhubela phambili ekudaleni amathuba emisebenzi, isantya asikabanelisi ukunciphisa intswela ngqesho, ingakumbi xa kujongwa inani elikhulayo labantu abangena kwimarike yezemisebenzi.
"Urhulumente wephondo usebenza nzima ukuqhubela phambili ukukhula koqoqosho olubandakanyayo nokudalwa kwemisebenzi njengenxalenye yokuhlangabezana nentswela ngqesho kwiphondo.
"Ungenelelo lukarhulumente lubandakanya amalinge okudala imisebenzi, iinkqubo zophuhliso lwezakhono, iiprojekthi zeziseko ezingundoqo, kunye nentsebenziswano yecandelo labucala, zonke ezijolise ekukhuthazeni ukukhula koqoqosho nokunciphisa intswela ngqesho, ingakumbi kulutsha lwethu," utshilo Rantjie.