Isibini sivele phambi kweNkundla kaMantyi eProtea kulandela ukudlwengulwa kunye nokubhubha komntwana waso oneminyaka emine ubudala.
Image: NPA
Isibini sivele kwinkundla kamantyi yaseProtea eSoweto eGoli ngoLwesibini kulandela ukudlwengulwa kwanokubhubha kwentombi yaso eneminyaka emine ubudala.
Utata ubekwe ityala lokubulala, ukudlwengula, ukudlwengulisa ngesinyanzelo, ukuxhaphaza umntwana kunye nokubetha, ngelixa umama wentombazana ebekwe ityala kwidokethi eyahlukileyo, ngokusilela ukuxela ngoko nangoko ityala lezesondo elibhekiselele kumntwana omncinci.
Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso, uPhindi Mjonondwane, uthi ummelwane weva umntwana ekhala kwikhaya lesi sibini, wathi ekufikeni kwakhe, wafumana uyise kutyholwa ukuba ebebetha umntwana waze wafota isiganeko ngefowuni.
"Emva kophando oluthe kratya, lo mama naye wabanjwa. Kutyholwa ukuba lo mama wayeyazi ngokuxhatshazwa ngokwesondo [komntwana] kodwa woyisakala ukuxela kwabasemagunyeni ngokomthetho weSexual Offences and Related Matters Amendment Act 32 ka2007," uthethe watsho uMjonondwane.
Ngokwengxelo yamapolisa, le ndoda yabanjwa ngoLwesithathu umhla wesithandathu kweyeThupha 2025 emva kokuba amapolisa asabela kwizikhalo ezaziphuma kwityotyombe elingasemva kwendlu. Kweli khaya, amapolisa afumanisa ukuba le ntwazana yenzakele kakhulu entloko, inemikrwelo, neliso elidumbileyo.
Ngaphandle kwenkundla, abahlali bafunela lo mntwana uneminyaka emine ubudala ubulungisa logama bekwafuna ukuba urhulumente abaphathe ngentlonipho phakathi kwemicelimngeni yonikezelo lweenkonzo, imiba egqubayo ekuhlaleni, nokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi.
Esi sibini sigcinwe eluvalelweni kwaye siza kuvela kwakhona ngomhla weshumi elinesibhozo kweyeThupha 2025 ukuze sifake isicelo sebheyile.
Ngaphambili, uMjonondwane uthe umbuso uza kuyichasa ibheyile yesi sibini.
"Njengokuba ngoku sisazi ukuba amatyala nezityholo ezibekwe umama notata azidibenanga, kufuneka sohlule le miba mibini, siqinisekise ukuba umama uvela yedwa. Kweli tyala likatata latshintshwa ukuze libonise la matyala mahlanu abekwe wona, kwaza kwabekwa amatyala amathathu ongezelelekileyo.
"Umama kwelinye icala, ujongene netyala lokungaxeli izehlo zesondo ngakumntwana osemncinci. Omabini la matyala amiselwe umhla weshumi elinesibhozo kwinyanga yeThupha, kwaye bobabini abatyholwa baveze ukuba bafuna ukufaka isicelo sebheyile. Siza kuzichasa izicelo zabo," utshilo.