Abafundi begqogqwa ngamapolisa.
Image: SAPS
Iphulo lezikolo elisungulwe lisebe lezemfundo eMpuma Koloni libambisene neSAPS lokuqinisekisa ukhuseleko ezikolweni liqalisile ngoLwesibini, umhla we12 kweyeThupha 2025, kwisithili saseNelson Mandela Bay, apho bekugqogqwa izikolo ezine eziye zachongwa.
Izikolo ezifana neBen Sinuka Primary School, Nokhwezi Primary School, Mzontsundu Secondary School neMnqophiso Primary School ziye zagqogqwa.
Iyadi yesikolo, amagumbi okufundela kunye nabafundi besikolo baye bakhangelwa izinto ezingekho mthethweni ezifana nezixhobo eziyingozi, imipu kwaneziyobisi.
Igumbi lokufundela ligqogqwa.
Image: SAPS
Njengenxalenye yenkqubo yokhuseleko ezikolweni, amagosa aphambili ahlukeneyo athethe nabafundi ngenjongo yale nkqubo kwakunye nezinto eziphathelele nokwazisa uluntu ngolwaphulomthetho.
Kukho iziganeko zolwaphulomthetho kwizikolo zaseMpuma Koloni, le ngxaki ikwachaphazela nezikolo kwilizwe jikelele. Umba wokhuseleko ezikolweni, nakumaziko emfundo ephakamileyo useyingxaki enkulu urhulumente athe uzimisele ukuyilwa.
Kuthiwa olu gqogqo luza kuqhubeka nakwezinye izikolo zeli phondo.