Iindaba

UNosabatha Nyumbeka ubathe jize ngezipho abantwana eNgangomhlaba J.S.S. bashiyeka bencumile

Pedro Mapelo|Published

UNksz. uNosabatha Nyumbeka ubashiye bencumile abantwana baseCumakala Village, eCacadu, emva kokubapha iimpahla zesikolo.

Image: Uthunyelwe

Bashiyeke bencume olukabhulankethe abantwana besikolo emva kokufumana izipho. Oku kwenzeke emva kokuba uNksz. uNosabatha Nyumbeka egqibe kwelokuba andwendwele eNgangomhlaba Junior Secondary School, eCumakala Village, eCacadu, apho aphe khona inqwaba yabantwana besikolo izipho ezintlobontlobo emini izolo.

Njengomntu okhule ezazi iingxaki ezithwaxa kakubi abantu bokuhlala endaweni yakhe, uNyumbeka uthe akanakusonga izandla ebona ukuba basekhona abantwana abancinane abasweleyo. Ingongo ephambili kuye ibikukunceda abangenazo iimpahla zesikolo ukuze bafane nabanye abantwana.

Ngamashumi asixhenxe anesihlanu (75) onke abantwana abafumene izihlangu zesikolo ezitsha. Izikhafu neminqwazi bezingamakhulu amabini anamashumi amabini anesihlanu (225), iijezi zingamashumi amahlanu anesithathu (53), amantombazana afumene iiphedzi ezingamashumi amathathu anesithathu (33), izinto zokunukisa amakhwapha kamnandi (Roll ons) bezikumashumi amabini (20) zona iithoyi bezilikhulu (100).

Iimpahla zifike ngexesha elihle ebusika kubanda. Abantwana bazivuyele kakhulu iijezi, izikhafu nezihlangu abaziphiweyo. "Mna zange ndizidinga izihlangu ngoba utata wam wayesebenza. Kodwa kuba ndisazi ukuba bakhona abadingayo, abatyiwa yingqele yobusika futhi abahlekwayo ngabanye, ndithe mandincede," utshilo uNyumbeka.

"Ndishiye ilizwi phaya esikolweni elithi kungaze kubekho mntana ohleka omnye. Onento makaphe ongenayo ngoba akukho mntu oyibizayo intlupheko," utshilo uNyumbeka encokola neli phephandaba. Uthe inani labantu abafundileyo laliphantsi elalini yakhe ngoba abantu abaninzi basiyeka isikolo ngenxa yentlupheko.

"Ndabona abantwana abangenazo izihlangu ngenye imini ngoba ndingumntu omane ebuya xa kukho imingcwabo. Ndathi tyhini, la nto yayisenzeka kudala isenzeka nangoku. Andifuni ukubona umntana oqhuba kakuhle eyeka esikolweni ngenxa yokuhlekwa ngabanye abantwana.

"Bendifuna bafane nabanye abantwana. Kunzima kakhulu xa ungenaso isihlangu ngoba kubanda kakhulu kweli cala lethu. Umntana ongenazo izihlangu angaphela engayi esikolweni. Andinawo amandla - kodwa ndiye ndiye ndadibanisa nendikuphiwe ziitshomi zam," utshilo uNyumbeka.