Iindaba

Ababini bagwetyelwe ukuba iphepha leemviwo

Cwayita Nondula|Published

Ababini bagwetyelwe ukuba iphepha leemviwo

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Abatyholwa babini, uThemba Daniel Shikwambana (36) kunye noThobile Sweetbetter Duze (48), bavele phambi kwenkundla kamantyi yaseGoli ngoLwesithathu umhla wama23 kweyeKhala 2025 nalapho bathe bavuma ityala baze bagwetyelwa ubusela bephepha leemviwo likaGrade 12.

Isithethi seeHawks, uLieutenant Colonel Christopher Singo, uthe ngomhla we16 kweyeNkanga ka2020, iSebe leMfundo esiSiseko lafumana ulwazi malunga nokusasazwa kwephepha leemviwo zezibalo likaGrade 12.

"ISebe lazisiwe ngomfanekiso owathunyelwa ngoWhatsApp nowathi kamva wangqinisiswa waze wangqinwa ukuba yikopi yokwenene yephepha leemviwo leMathematics Paper 2 lika2020. Uphando lokuqala lufumanise ukuba abanye abafundi baseLimpopo naseGauteng baqinisekise ukuba balifumene eli phepha likhutshiweyo kuWhatsApp," utshilo uSingo.

Lo mba uye waxelwa kwiqela leeHawks eliphanda ngolwaphulomthetho oluluqilima nelizinze kwikomkhulu lasePitoli ukuze liqhube uphando.

Ingxelo yeeHawks ithi ngomhla wama25 kweyeNkanga 2020, uShikwambana owayesebenza kwinkampani yokushicilela eGoli, apho amaphepha eemviwo ayeprintwa khona wakhangelwa wabanjwa eOrange Farm, eGauteng.

Ingxelo iqhuba ithi uphando olongezelelweyo lukhokelele ekubanjweni kukaDuze ngomhla weshumi kweyeSilimela ka2021 ePort Shepstone, KwaZulu-Natal. Aba batyholwa babini bebevele enkundleni amatyeli aliqela nalapho bebegwetywe kutshanje.

"Inkundla igwebe uShikwambana noDuze isohlwayo seR100 000 okanye iinyanga ezilishumi elinesibini entolongweni nalapho iR50 000 okanye iinyanga ezintandathu zinqunyanyiswa isithuba seminyaka emihlanu phantsi komqathango wokuba bangafunyaniswa benetyala elifanayo ngeli xesha lokunqunyanyiswa.

"Inkundla yabayalela ukuba bahlawule iR50 000 – imali engangeR5000 ngezavenge zenyanga ngaphambi okanye ngenyanga kaTshazimpuzi ka2026. Inkundla yaphinda yagweba abatyholwa iminyaka emithathu yaxhonywa yonke iminyaka emihlanu phantsi komqathango wokuba bangafunyaniswa benetyala elifanayo ngexesha lokunqunyanyiswa," utshilo uSingo.