Amapolisa akhangela uBongani Tulwana (ekhohlo) waseMakhanda noClinton Rossouw (ekunene) waseGqeberha abalahlekileyo.
Image: SAPS
Amapolisa eMpuma Koloni acela uncedo kuluntu ekufumaneni amadoda alahlekileyo, uBongani Tulwana (27) waseJoza, eMakhanda noClinton Rossouw (21) waseSydenham, eGqeberha.
UBongani Tulwana uchazwe njengolahlekileyo ngoMvulo, umhla wama21 kweyeKhala 2025.
Isithethi samapolisa uWarrant Officer Majola Nkohli uthi uTulwana wagqityelwa ukubonwa ngoLwesihlanu, umhla we11 kweyeKhala 2025, ephuma kwikhaya lakhe eJoza, eMakhanda.
Kuthiwa ngomhla wokuduka kwakhe, wayenxibe ijini engwevu, ihoodie engwevu kunye neeflops.
"Unobude obuphakathi kwaye unebala elikhanyayo. Ukwangumntu ongaphilanga ngokwasengqondweni," utshilo uNkohli.
Kucelwa nabani na onolwazi malunga nokuba iphi le ndoda ilahlekileyo ukuba aqhagamshelane negosa eliphanda eli tyala, uSajini Kulati ku079 497 1494. Kungenjalo, atsalele umnxeba iCrime Stop ku08600 10111 okanye athumele iinkcukacha ngeMySAPS App.
Kusenjalo, abecuphi beSAPS Mount Road bafuna uncedo lwabahlali ekufumaneni uClinton Rossouw (21) owaduka ngoMgqibelo umhla wama28 kweyeSilimela 2025.
Isithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse Van Rensburg uthi kutyholwa ukuba ngomhla okhankanywe ngasentla, uClinton Rossouw washiya indlu yakhe eVoyle Court, Milner Street, Sydenham kwaye akazange aphinde abuye.
"Uphando lwenziwa nosapho kunye nabahlobo apho ahlala etyelela khona kodwa akazange afumaneke. Ngexesha lokuduka kwakhe, wayenxibe ikepusi emhlophe, ijezi engwevu naluhlaza okwesibhakabhaka, ibhulukhwe engwevu kunye neetekki ezimdaka ngebala," utshilo uJanse Van Rensburg.
Amapolisa acela nabani na onokuthi ancedise ekufumaneni uClinton Rossouw ukuba aqhagamshelane ngokukhawuleza noD/WO Faith Swarts ku084 622 0935, iCrime Stop ku08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane nabo.