Iindaba

Kudutyulwe kwabulawa unobhala wamapolisa eWhittlesea

Cwayita Nondula|Published

Umsebenzi wakwaSAPS udutyulwe wabulawa eWhittlesea.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Amapolisa akhangela abenzi bobubi abadubule babulala uBongiwe Ramncwana (48) obengumsebenzi weSAPS eWhite City, kwilokishi yaseSada, eWhittlesea.

Esi sehlo senzeke ngoLwesihlanu weveki ephelileyo, umhla weshumi elinesibhozo (18) kweyeKhala 2025.

NgoLwesihlanu, umhla weshumi elinesibhozo kweyeKhala ngo2025, ngezithuba zentsimbi ye17:30, umrhanelwa obehamba ngemoto yohlobo lweSuzuki emhlophe wadubula ixhoba, uBongiwe Ramncwana, ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Namhla Mdleleni.

Kuthiwa uRamncwana uhlaselwe ngethuba evula isango kwikhaya lakhe eWhite City, eSada, eWhittlese, nalapho kwabhengezwa ukuba ubhubhile kwindawo yexhwayelo.

URamncwana ebesebenza njengonobhala kwaWhittlesea SAPS.

Isizathu sokudutyulwa asikaziwa, kwaye umrhanelwa okanye abarhanelwa basagcwele amathafa.

Amapolisa acela nabani na onokuthi ancede ngolwazi olungakhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa ukuba atsalele umcuphi wetyala uDetective Sergeant Veyishile ku083 598 4303.

Ulwazi lusenokwabelwana ngalo ngokusebenzisa iCrime Stop kule nombolo 08600 10111 okanye ngokusebenzisa iMySAPS App.