Amabhokobhoko abulele iGeorgia ngemvula yamanqaku eMpumalanga namhlanje.
Image: Springboks/Facebook
Aphinde enza adume ngazo Amabhokobhoko, kweli ityeli acambalalise iGeorgia ngo'55-10 emdlalweni obunzima eMbombela Stadium ngorhatya namhlanje. Khange achebeleze Amabhokobhoko emdlalweni ngoba abadlali beGeorgia bebezimisele kakhulu.
Ngabo abaqale balala emgceni benyanzela uMzantsi Afrika ukuba uphendule kwangoko kakhulu kwisigaba sokuqala. UCanan Moodie wenze umsebenzi omhle emva kokudlalelwa ibhola entle nguGrant Williams ophinde wadlala kakuhle ngokufanayo naseGqeberha.
Khange batyhafe tu abadlali beGeorgia abacacise kwangoko emdlalweni ukuba badlalela isidima sabo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla Amabhokobhoko ephala phambili ngo'22-10 emva komsebenzi omhle owenziwe ngabadlali ababini abatsha, uEdwill van der Merwe noMarnus van der Merwe, abalele emgceni kabini umntu emnye.
Umdlalo wona ubunzima macala. Amaqela omabini angene kwisigaba sesibini enenjongo enye: ukulungisa iimpazamo nokwandisa amanqaku ebhodini aphumelele umdlalo wovavanyo. Nangona kuye kwanzima nakubeni bekufakwe abadlali abatsha kwisigaba sesibini somdlalo - bekunzima ebaleni.
Ayikwazanga ukufumana nto iGeorgia - kodwa ibixabile endleleni yeentshatsheli zehlabathi. UHandre Pollard, Edwin va der Merwe noKurt-Lee Arendse balele emgceni kwisigaba sesibini watsho uMzantsi Afrika wakwazi ukuqabela kumashumi amahlanu amanqaku eMbombela Stadium ebigcwele abathandi bombhoxo njengesiqhelo. Kungekudala, Amabhokobhoko aza kukhusela indebe yeRugby Championship.