Iindaba

UHONOR uzifuna phezulu eMzantsi Afrika ngo2028

Pedro Mapelo|Published

UFred Zhou uthi uHONOR usebenzela ukuba yinkampani ephala phambili eMzantsi Afrika ngonyaka ka2028.

Image: I'solezwe

Inkampani yaseChina, uHONOR, isebenzela ukubamba indawo ephambili kwimakethi yaseMzantsi Afrika ngonyaka ka2028. Oku kudizwe ngumphathi wayo omkhulu, uFred Zhou, emcimbini ophezulu obubanjelwe eMidrand, eGauteng, kwinyanga ephelileyo.

UZhou wondlale isicwangciso sikaHONOR emva kokuphehlelela iiminxeba emitsha, iHONOR 400 Lite neHONOR 400 Pro, efike kulo nyaka eMzantsi Afrika. Yonke iminxeba yakhe emitsha isemgangathweni ophakaileyo futhi inika abathengi ithuba lokuxhamla kubuchule obutsha obuquka iAI eguqula ubomi babantu.

Emva kokuthengwa kakhulu kwefowuni ekuthiwa yiHONOR 200 kunyaka ophelileyo, uZhou uthe uHONOR uhleli kwindawo yesithathu kwimakethi yaseMzantsi Afrika kwicala leentengiso. Iifowuni zikaHONOR ziqhube kakuhle nakwezinye iindawo eziquka iMiddle East naseChina.

Njengokuba uHONOR ezalwa nguHuawei, ngoku usebenzela ukumsusa phezulu noSamsung abaneefowuni ezithengwa kakhulu ngabantu baseMzantsi Afrika. Yimali ezizigidi zerandi efakwe yinkampani ekhokelwa nguZhou kwimizamo yokuphakamisa iminxeba yayo ukuze yaziwe ngabantu.

"Ukukhula kwethu ziziphumo zomsebenzi omhle owenziwa ngabasebenzi bethu kunye neenkampani esisebenzisana nazo," utshilo uZhou owongeze ngelithi uHONOR uzibophelele kwinkqubela yoMzantsi Afrika kwaye uzimisele ukuqeqesha abantwana basezilalini kwezobuchwephesha.

Yimali eqabele kwizigidi ezilishumi zeedola zaseMelika ($10-billion) ezibekelwe bucala yinkampani yaseChina eziza kulola izakhono zabantu abatsha kumazwe ehlabathi kwisithuba seminyaka emihlanu ezayo. Phakathi kwezinto ezibangela iifowuni eziphehlelelwe kutshanje ziphale phambili yiAI eguqula ubomi babathengi.

Iifowuni ezintsha ziphuma zinemibala emibini emihle. Iikhamera zazo zithatha imifanekiso emihle ngendlela emangalisayo ngoba zincediswa yiAI, ngaphezulu ziguqula emidala ibe mitsha. Zithandwa kakhulu ngabantu abathanda ukwenza iividiyo ngoba zisebenza ngendlela elula. Ibhetri lefowuni kaHONOR lahlukile kwezinye ngoba litshajiseka ngokukhawuleza liphinde lihlale ixesha elide.