Ixhego laseLimpopo laxhwilwa loluswa ngaphandle kwemvume yalo.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Ixhego elinamashumi asixhenxe anesibini (72) laseGa-Mamatsha, eLimpopo, lithathwe ngenkani lasiwa kwisikolo solwaluko laza loluswa emva kweengxelo zokuba alolukanga.
Oku kwenzeke kwiveki ephelileyo, eli xhego, uMnu Mathobela, uye wahlangulwa wathunyelwa esibhedlele emva koko wakhululwa. Oku kusemva kokuba inkosikazi yakhe kunye nabahlali bexele ukuxhwilwa kwakhe.
UMnu Mathobela uthi wabethwa kanobom ngeentonga ngethuba ekwesi sikolo solwaluko, ukwathe abantu abamxhwilileyo bathi bathunywe ukuba baye kumthatha emva kokufunyaniswa ukuba akolukanga.
"Baye bandixwaya ndizimele etyotyombeni, bade bandophula nengalo. Sithe sifika nje esuthwini, bandolusa ngoko nangoko. Bendingafuni ukuya, abantwana bam ndabasa esuthwini kodwa ndakhetha ukungayi mna.
"Ndifuna ukuba nabani na obathumileyo abanjwe, andizange ndibenze nto okanye ndicele nto kubo. Mabahlawule ngale nto bayenzileyo kum," litshilo ixhego ngethuba lincokola neSABC.
Kuthiwa abane kubantwana bakaMnu Mathobela abasixhenxe ngamadoda kwaye bonke baye boluswa. Inkosikazi yexhego, uMmakgomo Mathobela, uthe baxhomekeke kwinkamnkam kwaye ngoku kufuneka bachithe imali ukuqinisekisa ukuba ukwimpilo ephucukileyo uMnu Mathobela owasishiya kwangethuba kwisikolo solwaluko.
"Umdala, ufanelwe yimbeko, kwanabantwana bakhe bayamnika imbeko. Kodwa babenesibindi sokumkhulula ukuze bamoluse ngaphandle kwemvume yakhe. Ngoku ndingumntu omjongileyo, ndikhupha imali eninzi ukuqinisekisa ukuba uyaphila. Bebeza kuthini ukuba ebebhubhile? Ubuthathaka kwaye ungumntu ophila ngamayeza," utshilo uMmakgomo ethetha neSABC.
Iingxelo zithi amadoda amane ayanyaniswa nokuxhwilwa kweli xhego abanjiwe kwaye kulindeleke ukuba avele enkundleni kungekudala.