UShoprite uqinisekisa ukuba abantu abalali bengatyanga.
Image: Shoprite
Lishumi elinesihlanu lamawaka ezidlo ebezilungiselelwe abantu baseMonti naseGqeberha njengenxalenye yenkqubo yakwaShoprite eqinisekisa ukuba akukho mntu ulala engatyanga.
Kutshanje abahlali baseParkside eMonti bamkele iloli yokutya eyinxalenye yenkqubo yakwaShoprite ethi Mobile Soup Kitchen nalapho iqinisekise ukuba izidlo ezingamawaka alithoba (9000), eziquka isuphu nesonka, zenzelwa abantu bengingqi yaseMonti. Logama amawaka amathandathu (6000) ezidlo zenzelwa abantu bommandla waseGqeberha.
ULwazi Nopote wakwaShoprite uthe le nkqubo yaqala ngo2007, kukho iiloli ezintathu kuphela ezisebenza eGauteng naseMntla Ntshona.
"Sele ikhule yaba ziiloli zokutya ezingamashumi amathathu anesithathu (33) kwiimbombo zonke zelizwe, kuquka amazwe angabamelwane iZambia, Eswatini, Lesotho, Angola kunye neNamibia. Ziloli ezine kwezi ezisebenza eMpuma Koloni," utshilo uNopote.
Ezi loli kuthiwa zinceda uluntu iintsuku ezintlanu ukuya kwezintandathu ngeveki, zinceda ukuthomalalisa indlala kwabona bantu basesichengeni eMpuma Koloni, kuquka abo bachatshazelwe ziintlekele zendalo ezifana nezikhukhula.
UNopote uthi banikezele ngezidlo ezingaphaya kwezigidi ezisixhenxe (7.9 million) kulo nyaka uphelileyo kwaye izidlo ezingaphaya kwama800 000 zinikezelwe eMpuma Koloni.
Iphulo lale venkile inkulu ebizwa ngokuba yiAct For Change linikezele ngokutya okuxabisa ngaphezu kwamakhulu amabini ezigidi zeerandi (R233 million) kwimibutho engaphaya kwamakhulu amahlanu (500) exhamleyo.
Ikwaxhasa iigadi zokutya zasekuhlaleni ezingaphezu kwama280 ezichaphazela abantu abangaphaya kwama80 000, ezingama29 kwezi gadi zikweli phondo, utshilo uNopote.
Bakwabambisene namaziko oPhuhliso lwaBantwana (ECD) ali124, baphucula iziphumo zesondlo kubantwana abangama8490 kwaye babonelela ngoqeqesho lophuhliso lwezakhono kubasebenzi beECD abali134. EMpuma Koloni kuphela le nkqubo ibonelela ngezidlo ezingaphaya kwama22000 kwiiECDs ngenyanga, isondla abantwana abayi1500.