UMongameli Cyril Ramaphosa uchonge uProf. Firoz Cachalia njengoMphathiswa omtsha wamaPolisa.
Image: Facebook
Emva kokuchongwa kwakhe njengoMphathiswa wamaPolisa obambeleyo, uProf. Firoz Cachalia, uthembise ngelithi uza kuwenza ngokukhulu ukuzimisela umsebenzi awunikiweyo.
Ukubuyela kwakhe kwaRhulumente kulandela ukuchongwa kwakhe nguMongameli Cyril Ramaphosa ogqibe kwelokuba anqumamise uMnu. Senzo Mchunu okwethutyana. Kwiiveki ezimbini ezidlulileyo, uMkomishinala wamaPolisa kwiphondo laKwaZulu-Natal, uNhlanhla Mkhwanazi, uxelele ilizwe lonke ukuba kukho amapolisa, abezopolitiko, abetshutshisi neejaji ezixabe endleleni yomthetho.
Uye wabala uMphathiswa wamaPolisa, uMnu. Mchunu, njengomnye wabantu abaphezulu abasebenzisana nezaphulimthetho. Ezo zityholo ziye zamnyanzela uMongameli Ramaphosa ukuba aseke ikomishini eza kuphanda zonke izinto ezingahambi kakuhle emaPoliseni.
Emva kokunikwa kukaMchunu ikhefu elikhethekileyo, uMongameli ucele uProf. Cachalia ukuba abambe okethutyana endaweni yakhe. Nangona ebengumhlohli wezomthetho eWits University, kodwa uProf. Cachalia akemtshanga kwaRhulumente ngoba ebekhe wanguMphathiswa wezokhuselo kwiphondo laseGauteng kwiminyaka eyadlulayo.
Kanti ukuchongwa kwakhe kufika enguSihlalo wequmrhu elizimeleyo elichasene norhwaphilizo, iNational Anti-Corruption Advisory Council. Uthe uza kuzama ukusebenza ngokuzimisela nangona imeko eqeshwe phantsi kwayo ingentlanga.
"Ndicinga ukuba kufuneka siqinise umsebenzi wamaPolisa wokulwa ulwaphulomthetho, ngakumbi kwiindawo ezihlala abantu. Iziyobisi, ulwaphulomthetho olucwangcisiweyo zezinye zezinto eziphambili ezisengqondweni yam okwangoku," utshilo uProf. Cachalia ngokutsho kukanomathotholo waseGoli.
Amanye amaqela aphikisayo amgxekile uMongameli Ramaphosa ngelithi bekufanele ukuba umgxothile uMnu. Mchunu. Kanti amanye amaqela akwamkele ngovuyo ukusekwa kwekomishini eza kuphanda okwathethwa nguNhlanhla Mkhwanazi.
Abantu belizwe bavakalise ukungonwabi kwabo kumakhasi onxibelelwano apho bathe ukusekwa kwekomishini yinkcithaxesha ngoba kuncinci kakhulu okufumaneke kwebezikho kwiminyaka engaphambili eMzantsi Afrika.