UNjingalwazi Peter Tshobisa Mtuze noMphathiswa weSebe lezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni uSibulele Ngongo.
Image: DSRAC EC
Ayaphokoka amazwi ovelwano ngokusweleka kukaNjingalwazi uPeter Tshobisa Mtuze owayeyimbongi, umfundisi nesifundiswa esaziwa ngegalelo lakhe ekukhuliseni ulwimi noncwadi lwesiXhosa.
Le ndedeba yaseMiddelburg neyazalwa ngo1941, ilandulele eli ngomhla weshumi elinesithathu kweyeKhala 2025.
ISebe lezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni lithumele amazwi ovelwano kusapho lakwaMtuze kwakunye nezihlobo kwanabo bebemthanda ubawo uMtuze.
"SiliSebe sithumela emazwi entuthuzelo ngokuthi sishiywe yile ndedeba, umthi omkhulu ebesifunxa kuwo kakhulu ngolwazi, ingakumbi kubabhali ababhala ngolwimi lwesiXhosa – sithi thuthu," litshilo eli Sebe.
"Umsebenzi wakhe awenzileyo usibangele ukuba siliSebe sihambe umgama kunye naye. Kunyaka odlulileyo, besithe samwonga kwiBook Fair yethu ebesinayo kweyeDwarha siqaqambisa intsebenziswano nobuhle bomsebenzi wakhe esebenzisa usiba. Sithi thuthu kuzo zonke izihlobo nezalamane, masilale ngeli cala linenxeba ukuze lizophola."
Eli Sebe lanika imbeko le Njingalwazi ngethuba kuqhutywa ucweyo ngoncwadi eMonti kwinyanga yeDwarha kunyaka ophelileyo ngo2024.
Ngaphambi kokuba abhale iincwadi, uMtuze usebenze njengetoliki ezinkundleni waza kamva wasebenza kwiRadio Xhosa eQonce. Ngenxa yokuthanda kwakhe ulwimi lwesiXhosa, uMtuze ukhule ngobhala iincwadi ezininzi eziquka ingqokelela yemibongo ethi uGadla.
Ezinye iincwadi azibhalileyo ziquka, uDingezweni, Alitshoni Lingaphumi, Umsinga, ukubalula ezimbalwa.
Encokola neli phephandaba I'solezwe lesiXhosa ngo2017, uMtuze wakhuthaza ababhali bolwimi lwesiXhosa kweli phephandaba wathi: "Kwekhu kuyavuyisa ukubona iphephandaba elifana neSolezwe kuba oku kuthetha ukuba noko akhona amabhaku amatsha athanda ulwimi lwesiXhosa, qhubani madoda."