USekela Mphathiswa kwiofisi kaMongameli ojongene namanina, ulutsha kunye nabantu abakhubazekileyo uMmapaseka Steve Letsike ngethuba ethetha noonondaba ethetha ngengxaki yokukhulelwa kwamantombazana aselula.
Image: Oupa Mokoena / Independent Newspapers
Inani lamantombazana aselula akhulelweyo eMzantsi Afrika liyanda ngesantya esixhalabisayo. Kunyaka ophelileyo ngo2024, bebemalunga nama90 000 amantombazana aphakathi kweminyaka elishumi ukuya kwelishumi elinesithoba ebekhulelwe.
USekela Mphathiswa kwiOfisi kaMongameli ojongene namanina, ulutsha kunye nabantu abakhubazekileyo, uMmapaseka Steve Letsike, ubambe indibano noonondaba ngoLwesithathu wale veki ethetha ngokuqubisana nokwanda kokukhulelwa kolutsha eMzantsi Afrika.
"Ukukhulelwa kwamantombazana aselula kuhlutha ubuntwana babo kunye nekamva labo, kwaye kuya kunyanzeleka ukuba sonke sisebenzisane ukulungisa le meko," utshilo uLetsike ethetha noonondaba.
ULetsike uthe umntwana oneminyaka elishumi okhulelweyo ayilonani nje kodwa bubungqina bokusilela okumandla eluntwini.
"Xa intombazana eselula isiba ngumama, amathuba ayo okugqiba isikolo aye ehle, amathuba emisebenzi ayo ayancipha yaye maxa wambi ijamelana nobuhlwempu.
"Ngamanye amazwi, ukukhulelwa kolutsha lwanamhlanje yintlupheko nokungalingani kwangomso. Kufuneka sikuqwalasele oku njengento engengomba wezempilo yoluntu kuphela kodwa unxunguphalo lobulungisa kwezentlalo," utshilo uSekela Mphathiswa.
Kwezi veki zidlulileyo iBhunga likaGawulayo eMpuma Koloni belibambe indibano kwihotele iOsner eQuigney eMonti, ngeenjongo zokuzisa izisombululo kwingxaki yamazinga aphezulu okukhulelwa kwamantombazana aselula kweli phondo.
Kudizwe ukuba oyena Masipala ukhokeleyo eMpuma Koloni xa kuthethwa ngamanani aphezulu okukhulelwa kwabantwana abangamantombazana nguMasipala waseNyandeni – ziilali eziphantsi kwalo Masipala.
Owenze uphando ezilalini, uHlokoma Mangqalaza ethetha kule ndibano ebiseMonti, uthe zininzi izizathu abaye bazibeke abantwana ezibangela ukuba bakhulelwe okanye bazibandakanye nezesondo besebancinci.
UMangqalaza uthe bathi xa besebenzisa izixhobo zokucwangcisa ekuhambeni kwethuba ziza kubavalela amathuba ukuba bangaze bazale xa befuna usapho bebadala beqhathana ngento abayivayo. Uqhube wathi abanye bathandana nabantu abadala kunabo abaye baboyise ngamandla kwaye bangafuni kusebenzisa ikhondom.
Kusenjalo, uGqirha Phelisa Dana weBhunga likaGawulayo eMpuma Koloni uthe: "Sibone kubalulekile ukuba sibe nale Indaba futhi sibize nezinye izithili kuba sifuna ingcambu kanobangela wokukhulelwa kwabantwana singacingi thina siyayazi kanti akunjalo.
"Sikwabonile ukuba ezona ndawo zihamba phezulu zezi zisezilalini. Mhlawumbi izixhobo nolwazi azifikeleli ngolu hlobo thina sicinga zifikelela ngalo. Siye sicinge ukuba abantwana abakhoyo akukho nto bangayaziyo kanti akunjalo basekhona abangafumani ulwazi ngokwaneleyo."