Owayesakuba lipolisa ngexesha localucalulo uJohan Marais ugwetywe iminyaka eli15 ngokubulala uCaiphus Nyoka.
Image: NPA
Ipolisa lexesha localucalulo uJohan Marais, 66, ugwetywe iminyaka elishumi elinesihlanu entolongweni ngokubulala itshantliziyo labafundi uCaiphus Nyoka ngo1987.
INkundla ePhakamileyo yasePitoli imgwebe uMarais ngoLwesine ngokuceba ukubulala uNyoka.
Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) eGauteng, uLumka Mahanjana, uthe esi sigwebo sibonisa ukuzinikela kweNPA kunye neeHawks ekuqinisekiseni ukuba kukho uxanduva lokuphendula kulwaphulomthetho olumanyumnyezi olwathi lwadluliselwa kwiNPA yiTRC.
"Esi sigwebo ke ngoko sibalulekile kwaye sinefuthe, hayi kurhulumente noluntu kuphela, kodwa okona kubaluleke kakhulu kwiintsapho zamaxhoba ekugqibeleni zifumane uxolo. I-NPA izimisele ekuqinisekiseni ukutshutshiswa nobulungisa kwiintsapho zamaxhoba," utshilo uMahanjana.
NgokweNPA, ngorhatya lwangomhla wama23 kweyeThupha ka1987, uMarais kunye namanye amalungu esebe lezokhuseleko namanye amacandelo amaPolisa oMzantsi Afrika badibana ukuze baxoxe ngecebo lokubulala uNyoka.
Isicwangciso sokugqogqa ikhaya likaNyoka sayilwa phantsi kwegosa elaliphethe ngelo xesha, uMajor Leon Louis van den Berg, nobekwa ityala elifanayo nelixoxwa ngokwahlukeneyo, utshilo uMahanjana.
"Ekuqaleni kwe24 kweyeThupha ka1987 malunga ne02:30, uMarais, kunye noSajini uPieter Stander, uSajini uAbram Hercules Engelbrecht kunye namanye amalungu eReaction Unit nawo atyholwa ngokwahlukileyo, bafika kwikhaya likaNyoka baza bahlasela igumbi lakhe.
"Bamfumana uCaiphus Nyoka elele nabahlobo bakhe abathathu. Emva kokumfanisa, basusa abahlobo bakhe kwelo gumbi baza bamdubula izihlandlo ezisithoba. Ubhubhele kwindawo yexhwayelo ngenxa yamanxeba amaninzi okudutyulwa," utshilo uMahanjana.
Ngexesha lokuxoxwa kwetyala, uMarais waxelela inkundla ukuba esi senzo wasenza kwiminyaka engama37 eyadlulayo phantsi kwemiyalelo yorhulumente wocalucalulo. UMarais uphinde wacela inkundla ukuba adontse isigwebo sakhe ngaphandle kwentolongo ngenxa yeminyaka yakhe, impilo yakhe, nokubonakalisa ukuzisola ngesenzo sakhe.
I-NPA icele inkundla ukuba iwise isigwebo esiqatha kwaye yathi uMarais, ekunye noogxa bakhe abasachophele ityala elifanayo kwiNkundla ePhakamileyo yasePitoli ebichotshelwe eBenoni, benze elona tyala linobuzaza ngokuceba ukubulala ngokungenalusini uNyoka.
I-NPA iveze ukuba into yokuba uMarais avume ityala ayibonisi kuzisola ngokwenene kuba nasemva kweminyaka engama37, akakaxolisi kusapho.
Ngokwebali elibhalwe yi-IOL, uMarais wagcina imfihlo yakhe yokuba ngomnye wabantu abathulula iimbumbulu kuNyoka de kwaba ngu2019. Emva kwelinye lamalinge akhe amathathu okuzama ukuzibulala, wagqiba ekubeni azityand’ igila kwintatheli. Oku kwakhokelela ekubeni atshutshiswe.
I-IOL ithe xa iwisa isigwebo iJaji uPapi Mosopa uthe ilusizi into yokuba kuthathe ixesha elide kangaka ukuba uMarais ajongane nengalo yomthetho. Kule minyaka, ubungqina obubalulekileyo kweli tyala balahleka, nto leyo ibingabangelwa bubugwenxa beNPA, utshilo uMosopa. Ukanti ijaji ivumile ukuba uMarais uye walivuma ityala emva kwayo yonke le minyaka.