Iigusha ezibiweyo nezifunyenwe ngamapolisa.
Image: SAPS
Abarhanelwa abane abaneminyaka ephakathi kwama26 ukuya kuma54 babanjwe emva kokufunyanwa beneegusha ezilishumi ezibiweyo eNgcengane.
Aba barhanelwa babanjwe ngoLwesithathu, umhla we9 kweyeKhala 2025 malunga ne07:45, kwaye amapolisa ayithimba le mfuyo.
Isithethi samapolisa, uKapteni Welile Matyolo, uthi abarhanelwa abane baseManyosini babanjwe ngamapolisa kwingingqi yaseNgcengane emva kokumoshakala kwePolo Sedan yabo.
Iigusha ezibiweyo nezifunyenwe ngamapolisa.
Image: SAPS
"Batyholwa ngokuba iigusha kwingingqi yaseKhambi. Abanikazi ababini abasuka eKhambi bakwazile ukuzifanisa ezi gusha zibiweyo njengezabo, nezixabisa malunga neR20 000," utshilo uMatyolo.
UMkomishinala weSithili saseOR Tambo, uMajor General Norman Modishana, uwaqhwabele izandla onke amapolisa abandakanyekayo kweli phulo. "Ukuqinisa idabi lokulwa nokubiwa kwemfuyo yenye yezinto eziphambili kuthi kwaye sibongoza lonke uluntu ukuba lusebenzisane ngokusondeleyo namapolisa ukunqanda oku," utshilo.
Abarhanelwa baza kuvela phambi kwenkundla kamantyi eMthatha kungekudala, bejongene nezityholo zokuba nemfuyo ekurhaneleka ukuba ibiwe.