Iindaba

USenzo Mchunu uphendula okuthethwe nguNhlanhla Mkhwanazi

Pedro Mapelo|Published

UMphathiswa wamapolisa, uSenzo Mchunu, uzikhanyele izityholo ezenziwe nguNhlanhla Mkhwanazi ngempelaveki egqithileyo.

Image: Tumi Pakkies/Independent Newspapers

UMphathiswa waMapolisa, uSenze Mchunu, ukhuphe ingxelo ebhaliweyo namhlanje ephendula izinto ezathethwa nguMkomishinala wamapolisa KwaZulu-Natal, uNhlanhla Mkhwanazi. OkaMchunu uyikhanyele ingxelo ethi usebenzisa noVusimuzi Matlala ongusomashishini weethenda otyholwa ngokubulala abantu.

Kodwa kwangaxeshanye, uMchunu uthe uyazana noBrown Mogotsi. UMncunu uzibhaqe esemilebeni yabantu macala onke eMzantsi Afrika ngenxa kaMkhwanazi othe usebenzisana nezaphulimthetho.

"Nangona kubalulekile ukuhlonipha ikhwelo elenziwe ngumongameli, uMphathiswa wamapolisa, uSenzo Mchunu, ubona kubalulekile ukucacisa into ethi: yena zange wadibana noMnu. Matlala futhi zange wathetha naye futhi akukho nto awakhe wayizuza kuye.

"UMphathiswa uyamazi uMMnu. Brown Mogotsi njengeqabane ngoba basembuthweni omnye," itshilo ingxelo ebhaliweyo. Kuthiwa nguMchunu oye wayalela ukucinywa kwethenda yezigidi zerandi engaqondakaliyo eyayinikwe uBrown Mogotsi.

NgeCawe egqithileyo, uMkhwanazi watyhola uMkhize ngokusebenzisana nezaphulimthetho eziphazamisa indlela indlela asebenza ngayo amaPolisa kwiphondo laKwaZulu-Natal. Phakathi kwezinto atyholwe ngazo umphathiswa kukuba wabhangisa ibutho lamapolisa abephanda amatya okubulawa abantu abakwezopolitiko KwaZulu-Natal.

Wongeze ngelithi abantu abasebenzisana nomphathiswa emapoliseni bawacimile amatyala oosommashishi abasebenzisana nabathengisa iziyobisi abafake ezipokothweni abepolitiki nabomthetho. Kuthiwa uMongameli Cyril Ramaphosa ucele ukunikwa ingxelo egcweleyo ngokwenzeka emapoliseni ngoLwesihlanu wale veki.