Iindaba

UMakgato uchongwe njengentloko ebambeleyo kwicandelo lezobuntlola lakwaSAPS

Cwayita Nondula|Published

Ngethuba uDumisani Khumalo, intloko yezobuntlola kwiSAPS, ekunye noogxa bakhe abathandathu, bebevele kwinkundla kamantyi yasePitoli ngoLwesihlanu ngomhla wama27 kweyeSilimela 2025.

Image: Supplied

Umphathi weeHawks eNtshona Koloni, uMajor General Solomon Makgato, uchongwe njengentloko ebambeleyo kwicandelo lezobuntlola kwiNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika (SAPS) emva kokuba umphathi weli candelo, uLieutenant General Dumisani Khumalo, eshenxisiwe okwethutyana kweli candelo kulandela izityholo zobuqhophololo norhwaphilizo.

UKhumalo ekunye namanye amalungu amathandathu eSAPS, bajongene nezityholo ezininzi zobuqhophololo norhwaphilizo ngokuqesha igosa elingenamava elinamashumi amathathu (30) eminyaka ubudala kwisikhundla esiphezulu kwicandelo lezobuntlola bolwaphulomthetho. UKhumalo nabanye atyholwa nabo abahlanu bakhululwe ngebheyile yeR10 000 umntu emnye, ngelixa owesixhenxe enetyala lorhwaphilizo elingekavalwa kwaye useseziseleni.

Kwindibano noonondaba ngoLwesithathu, uMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke, uFannie Masemola, ubhengeze ukuba uMakgatho uza kukhokela icandelo lezobuntlola njengoko kulindelwe iziphumo zeenkqubo zoluleko zangaphakathi.

"Onke amagosa aphezulu asixhenxe akhutshiwe okwethutyana ngaphandle kwecandelo lezobuntlola kulindelwe ulwazi oluthe kratya esilucelile oluya kusibonisa ukuba yeyiphi enye into esinokuyenza.

"Uzisa kwesi sikhundla ubutyebi bamava kunye nolwazi kubuntlola kunye namava okucupha iminyaka engamashumi amathathu anesithandathu (36) kuwo omabini amacandelo. Simthembile ngokupheleleyo uMajor General Makgato, kwaye siyathemba ukuba ubunkokeli bakhe buza kuphucula ukusebenza kakuhle kwaye bugcine uzinzo kubuntlola bolwaphulomthetho," utshilo uMasemola.