Iindaba

Lirhoxisiwe ityala likaNcobo kodwa iNPA ayifuni ukumyeka!

Pedro Mapelo|Published

UAndile 'Ace' Ncobo ngethuba ebevele kwiNkundla kaMantyi yaseKempton Park ngoLwesibini ngetyala lokubetha.

Image: Timothy Bernard / Independent Newspapers

Ityala ebelibekwe uMnu. Andile 'Ace' Ncobo lirhoxisiwe ngummangali - kodwa nangona kunjalo, iGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) lithi liza kuqhubela phambili nokumtshutshisa. UMphathi wePremier Soccer League uzibhaqe ewiza kwenye ingxaki kwakhona enzima ekuqaleni kwale veki.

Oku kubonakele ngethuba evela enkundleni yamatyala eKempton Park, eGauteng, ngoMvulo wale veki. Ingxelo ejikeleze kumajelo eendaba ithe uMnu. Ncobo ubekwe ityala lokuphatha kakubi iqabane lakhe eligunguAnney Xala.

Kuthiwa uXala umangalele uNcobo emva kokumqhwaba ngempama okwenzeke emva kokutsarana ngamazwi kwindawo yokuhlala eseKempton Park ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kwinyanga yeSilimela.

Ulele eqamele ngenqindi ngoba inkundla khange isivume isicelo sebheyile esifakwe ligqwetha lakhe uLeon Khoza. Siphikisiwe isicelo sebheyile ngumtshutshisi ngelithi ummangalelwa ungaphandle ngebheyile kwityala lobuqhopholo eliphakathi kwakhe nePetroSA ebelikwiinyanga ezigqithileyo.

UKhoza uthethelele uNcobo ngelithi akazange wagwetywa ngaphambili futhi akukho ngqawule egameni lakhe. "Egameni lobulungisa, ndicela ukukhululwa kwethutyana ngoba ukubuyela kwam ekuhlaleni akuzuphazamisa mntu kuquka nabangamangqina," sitshilo isicelo esifundwe enkundleni izolo.

Kuvele into ethi uXala noNcobo baneminyaka engaphezulu kwesithandathu besazana. UNcobo uxelele inkundla ukuba wamkela imali engaphezulu kwamakhulu amabini amawaka eerandi (R200.000) kwiPSL ayisebenzelayo. Inkundla iye yakumisa ukugqityezelwa kwenkqubo yebheyile ngoMvulo, kodwa iye yamkhulula ngesilumkiso ngoLwesibini wale veki.

Nangona ummangali engasafuni ukuqhubela phambili netyala – kodwa iGunyabantu lezoTshutshiso lithe liza kumtshutshisa uNcobo ngoba umthetho uyawuvuma oko. Kwiinyanga ezigqithileyo, uNcobo ukhe wathi tshe kwinkundla yaseKapa apho ajamelene khona netyala lobuqhophololo nenkosikazi yakhe.