Iindaba

Kubanjwe abarhanelwa abathathu ngokuba nemipu ngokungekho mthethweni eBityi

Cwayita Nondula|Published

Imipu efunyenwe kubarhanelwa.

Image: SAPS

Abarhanelwa abathathu abangamadoda abaphakathi kweminyaka engama22 nama26 ubudala bengingqi yaseJulukuqu, eMqhekezweni A/A, eMthatha, babanjwe ngokuba nemipu engekho mthethweni kunye neembumbulu ngoMvulo wesixhenxe kweyeKhala 2025.

Ngokokutsho kukaKapteni Welile Matyolo, le mipu ibicinywe iinombolo zesiriyali. Oku kubanjwa kuqhutywe ligqiza leTactical Response Team elizinze kwisithili saseOR Tambo namalungu alo eRecce, itsho ingxelo yamapolisa.

"Iqela leTactical Team lifumene abarhanelwa abangamadoda abathathu ngelixa bekwisithuthi (GD6 Double Cab) kwaye xa bebagqogqwa, kwafunyanwa umpu weDashprod oneembumbulu ezilishumi (10), iBrown 9mm eneembumbulu ezilishumi elinesihlanu (15) kunye neNorinco Star pistol eneembumbulu ezine.

"Aba bathathu babanjwa ngoko nangoko babekwa ityala lokuba nemipu neembumbulu ngokungekho mthethweni," uqinisekise watsho uMatyolo.

UMkomishinala weSithili saseOR Tambo, uMajor General Norman Modishana, ukwamkele ukubanjwa kwaba barhanelwa bathathu. "Ukufunyanwa kwaloo mipu ingenampepha-mvume liqela elizinikeleyo leTactical Team ngokungathandabuzekiyo kusindise ubomi babantu abamsulwa kwindawo yaseBityi," utshilo uMajor General Modishana xa eqhwabela izandla amalungu akhe ngomsebenzi owenziwe kakuhle.

Bobathathu baza kuvela phambi kwenkundla yengingqi yaseBityi kungekudala logama imipu iza kusiwa kuvavanyo lwemipu ukukhangela ukuba ayizange isetyenziswe ukwenza naluphi na olunye ulwaphulomthetho.