Iindaba

AbakwaSASSA bazichithile iingxelo zokuba izibonelelo zinqunyanyisiwe

Cwayita Nondula|Published

AbakwaSASSA bazichithile iingxelo zokuba zinqunyanyisiwe izibonelelo zentlalo kulandela abanye abantu abangazifumani izibonelelo zabo.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Abanye abantu bashiyeke bedanile xa bengazifumananga izibonelelo zabo kwaye iSouth African Social Security Agency (SASSA) iye yawakhaba amabango okuba izibonelelo zinqunyanyisiwe, ngelithi lo mba kungenxa yenkqubo yabo entsha apho izibonelelo zilibazisekile.

Inkqubo entsha yakwaSASSA kuthiwa yindlela yokuthintela ukusetyenziswa gwenxa kwemali. UMphathi wakwaSASSA, uThemba Matlou, uqinisekise abaxhamli bezibonelelo kunye noluntu ukuba iSASSA iqhuba inkqubo yohlaziyo lwezibonelelo zoluntu, ngaloo ndlela iqinisekisa ukuba izibonelelo zihlawulwa kubaxhamli abafanelekileyo kwaye zonke iinkalo zobuqhophololo ziyancothulwa.

UMatlou ugxininise ukuba ngokwemigaqo yesikhokelo somthetho woncedo loluntu, abaxhamli ngokusemthethweni kufuneka bachaze ngokupheleleyo yonke imithombo yengeniso ngexesha lesicelo sabo sokuqala. Wongeze ngelithi banyanzelekile ukuba baxelele iSASSA ngalo naluphi na utshintsho kwiimeko zabo zezimali emva kokuba isicelo sabo sivunyiwe kwaye ukusilela ukuthobela ezi mfuno kukwaphulwa komthetho woncedo loluntu kwaye kunokubangela inyathelo lokulungisa lo mba.

"Uhlaziyo lwezibonelelo zentlalo lunceda ukuchonga abaxhamli abangasafaneleki ngenxa yotshintsho kwimeko yabo yezemali, unyango, okanye iimeko zomthetho kwaye olu hlaziyo lusebenza njengesiqinisekiso sobomi okanye ubukho babo, ukuqinisekisa ukuba izibonelelo azihlawulwa kubantu ababhubhileyo okanye abo baye bafuduka ngaphandle kokuhlaziya iirekhodi zabo.

"Okona kubaluleke kakhulu, uphononongo luvumela iSASSA ukuba ibone kwaye ithintele iimeko apho abantu beqhubeka befumana izibonelelo nangona bedweliswe kwiinkqubo zokurhola zamanye amaqumrhu (ezikarhulumente okanye zabucala)," utshilo uMatlou. 

Abafumana izibonelelo zikaSASSA nabachatshazelwe yile nkqubo yezibonelelo bayakhuthazwa ukuba bandwendwele iofisi yakwaSASSA ekufuphi kubo baze nala maxwebhu alandelayo:

  • Isazisi saseMzantsi Afrika
  • Ubungqina bengeniso
  • Iingxelo zebhanki (iinyanga ezintathu ezidlulileyo)
  • Ubungqina bendawo yokuhlala
  • Ingxelo yezonyango (ukuba isidingo sikhona, yeyezibonelelo zabakhubazekileyo nezabo baxhomekeke kwabanye abantu)
  • Isatifikethi somtshato okanye uqhawulo mtshato (ukuba sikhona isidingo)
  • Isatifikethi sokubhubha (ukuba kukho ukubhubha okuthe kwenzeka, umzekelo umntwana, isithandwa, njl.)
  • Nawaphi na amanye amaxwebhu axhasayo ohlobo lwesibonelelo sakho

Ukuba umntu ofumana izibonelelo zikaSASSA akakwazi ukutyelela iofisi yakwaSASSA, unokonyulwa ummeli ukuba ammele. Ukwenza oku, aba bantu bayakhuthazwa ukuba baqhagamshelane neofisi ekufutshane nabo ukuze bafumane uncedo ekunyuleni ummeli.