Iindaba

URamaphosa uthi izityholo zikaMkhwanazi ziza kuthathelwa ingqalelo

Cwayita Nondula|Published

UMongameli uCyril Ramaphosa uthi izityholo zomphathi wamapolisa eKZN, uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi, ngakuMphathiswa wamaPolisa, uSenzo Mchunu, ziza kunikwa ingqwalasela ephezulu.

Image: GCIS

UMongameli uCyril Ramaphosa uthe izityholo zikaMkomishinala wamaPolisa eKZN, uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi, zokuphazamisa kukaMphathiswa uSenzo Mchunu kumsebenzi wamapolisa ziza kufumana ingqwalasela ephezulu.

Oku kuza emva kokuba uLieutenant General Mkhwanazi ebebambe indibano noonondaba ngeCawe apho ethe wabeka izityholo ezinobuzaza ngakuMphathiswa wamaPolisa, uSenzo Mchunu, kunye noSekela Mkomishinala kaZwelonke, uLieutenant General Shadrack Sibiya.

UMkhwanazi uthe uza kuvula ityala ngakuMchunu ngezityholo zokungenelela kwimiba yesipolisa. Uthe oku kudlulele kwisandla soMphathiswa nakwimpembelelo ekuvalweni kweqela eliphanda ukubulawa kwabantu bezopolitiko.

Ukwathe kukho ekudibanisa ihlakani loMphathiswa kunye nezityholo zezenzo zolwaphulomthetho, nezenziwe ngokuhlalutya ifowuni.

UMongameli Ramaphosa ephendula kuyo yonke le nto uthe: "Lo ngumba oxhalabisa kakhulu ukhuseleko lwesizwe ofumana eyona ngqwalasela iphezulu. Kubalulekile ukuba imfezeko yeenkonzo zokhuseleko zelizwe ikhuselwe kwaye umthetho uqinisekisiwe."

UMongameli ukwayalela bonke ababandakanyekayo ukuba bazibambe. "Ukukhombana ngeminwe kujongela phantsi ukuthenjwa luluntu kwaye kubangela ukubhideka. Ngaphaya koko, ezi zenzo zonakalisa umanyano nokugxila kwamapolisa," utshilo.

Kuthiwa uMongameli uza kuchaza amanyathelo aza kuthathwa ngalo mba xa ebuya kwingqungquthela yeenkokeli zeBRICS eqhubekayo eRio de Janeiro, eBrazil.

NgeCawe, uMkhwanazi, enxibe iyunifomu yakhe yokulwa yeSpecial Task Force (STF) kwaye engqongwe ngamanye amagosa axhobileyo aphuma kwiyunithi yeSTF neTRT, uthe amatyala alikhulu elinamashumi amabini ananye (121) akhutshwa ngequbuliso kweli qela ngeyoKwindla aza agcinwa kwikomkhulu lamapolisa ePitoli.

Ngokutsho kukaMkhwanazi, eli nyathelo kuvakala ukuba lithathwe phantsi komyalelo kaSibiya, ekutyholwa ukuba wenze ngokomyalelo kaMchunu.

"Oku kwenziwa ngaphandle kwegunya loMkomishinala kaZwelonke, nam njengoMkomishinala wePhondo andizange ndixelelwe," utshilo uMkhwanazi.

UMchunu, ethetha ngethuba etyelele eVryheid, eKZN, nalapho ebekhankasela iANC phambi konyulo lovalo sikhewu ngomhla weshumi elinesithandathu kweyeKhala, uthe uyazazi izityholo atyatyekwa zona nguMkhwanazi.

UMchunu uziphendulele kwizityholo zikaMkhwanazi ngelithi akasoze avumele isidima sakhe sijongelwe phantsi ngenxa yeentetho ezingenabungqina.