Owayesakuba nguSekela Mongameli uDavid Mabuza uza kuwongwa ngenqanaba lesibini lomngcwabo waseburhulumenteni.
Image: GCIS
UMongameli Cyril Ramaphosa ubhengeze ukuba lowo wayesakuba nguSekela Mongameli uDavid Mabuza uza kuwongwa ngenqanaba lesibini lomngcwabo waseburhulumenteni ngoMgqibelo, umhla we12 kweyeKhala 2025.
NgokweOfisi kaMongameli, umngcwabo wenqanaba lesibini waseburhulumenteni wenzelwe ooSekela Mongameli boMzantsi Afrika, iBambela likaMongameli kunye nabaBesakuba ngooSekela Mongameli. Olu hlobo lomngcwabo luqhutywa ngembeko emiselweyo yasemkhosini.
Ngelixa amalungiselelo eqhubeka, uRamaphosa ubhengeze ukuba iintsuku zokuzila kuzwelonke ziya kuqala ngoMvulo, umhla wesixhenxe kweyeKhala 2025, kude kube ngokuhlwa kwangoMgqibelo, umhla we12 kweyeKhala.
UMabuza, 64, usweleke ngoLwesine, umhla wesithathu kweyeKhala 2025, kwisibhedlele saseGoli emva kokugula. Umngcwabo wakhe uza kuqhutyelwa kwiphondo aphuma kulo eMpumalanga.
Ngeli xesha lokuzila, iflegi yoMzantsi Afrika iza kubhabha kuzo zonke izikhululo zeflegi kwilizwe jikelele, ngokweOfisi kaMongameli.
"UMongameli unqwenelela usapho amandla njengoko bona kunye nelizwe bekhumbula ubomi belungu losapho, itshantliziyo, umfundisi-ntsapho, inkcuba buchopho kunye nenkokeli kurhulumente nenegalelo elikhulu ekufumaneni inkululeko nophuhliso kuluntu lwethu," itshilo iOfisi kaMongameli kwingxelo.
Abantu baphuma ngobuninzi babo ukuya kunika imbeko kulo Sekela Mongameli ongasekhoyo emzini wakhe eBarberton, eMpumalanga.