Iindaba

Umbulali kaSindiso Magaqa ugwetywe iminyaka engama25

Cwayita Nondula|Published

USibusiso Ncengwa ugwetywe iminyaka engamashumi amabini anesihlanu ngokubulala uSindiso Magaqa.

Image: Imifanekiso egciniweyo

USibusiso Ncengwa, nowalivuma ityala lokubulala owayesakuba nguNobhala Jikelele wophiko lolutsha lweANC, uSindiso Magaqa, ugwetywe iminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) yiNkundla ePhakamileyo yaseMgungundlovu, KwaZulu-Natal, namhlanje.

Ngexesha lokubulawa kwakhe, uMagaqa wayesebenza kuMasipala waseMzimkhulu. Wadutyulwa wabulawa logama abanye ooceba ababini basinda.

UNcengwa wavuma ukuba wadubula uMagaqa ngo2017 kummandla waseMzimkhulu waze walivuma ityala lokuzama ukubulala uJabulile Msiya noNonsikelelo Mafa ababekhwele imoto noMagaqa.

Ukwalivumile ityala lokuzama ukubulala uNceba Mazongolo owayekufutshane nendawo yexhwayelo ngethuba edubula.

UMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke, uFannie Masemola, uncome igqiza eliphandayo ngokufumana isigwebo seminyaka engama25 entolongweni kweli tyala.

Isithethi samapolisa kuzwelonke, uBrigadier Athlenda Mathe, uthi iSAPS Political Killings Task Team yathatha eli tyala kweyeKhala ka2018 emva kokusekwa kwalo. Kwisithuba esingangenyanga, umbulali wokuqala, uNcengwa, wabanjwa kweyeThupha ngo2018 liqela. Abanye abathandathu babanjwa kamva kweyoMnga ka2018 liqela eliphandayo.

INkundla ePhakamileyo yaseMgungundlovu imfumene uNgcengwa enamatyala alishumi elinanye. Nanga amatyala ajongene nawo:

Ityala 1: Iyelenqe lokubulala - iminyaka engama25

Ityala 2: Ukubulala - iminyaka engama25

Ityala 3: Ukuzama ukubulala - iminyaka emihlanu

Ityala 4: Ukuzama ukubulala - iminyaka emihlanu

Ityala 5: Ukuzama ukubulala - iminyaka emihlanu

Ityala 6: Ukonakalisa impahla ngonolunya - iminyaka emithathu

Ityala 7: Ukonakalisa impahla ngonolunya - iminyaka emithathu

Ityala 8: Ukonakalisa impahla ngonolunya - iminyaka emithathu

Ityala 9: Ukuba nompu wohlobo lweautomatic ngokungekho mthethweni - iminyaka emihlanu

Ityala 10: Ukuba nemipu ngokungekho mthethweni - iminyaka emihlanu

Ityala 11: Ukuba neembumbulu ngokungekho mthethweni - unyaka omnye

Ityala lokuqala, elesithathu ukuya kweleshumi elinanye liya kuqhutywa ngaxeshanye netyala lesibini eliyiminyaka engama25.

"Abanye abatyholwa abathathu baseseluvalelweni kwaye owesithathu ubhengezwe ukuba akaphilanga ngokwasengqondweni ukuba angamela ityala. Umtyholwa wesithathu ukwiziko labagula ngengqondo.

"Ityala laba babini bakulungeleyo ukuxoxa kulindeleke ukuba lichotshelwe phakathi komhla we19 kweyoMsintsi ka2025 ukuya kumhla wama21 kweyeDwarha ka2025 kwiNkundla ePhakamileyo yaseMgungundlovu," utshilo uMathe.