Indoda ihlabe yabulala enye ngenxa yengxabano malunga nezikolo zolwaluko.
Image: iStock
Kubanjwe indoda eneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) malunga nokubulawa kwendoda eneminyaka engamashumi amathathu ananye (31), esi sehlo senzeke ngoLwesihlanu umhla wesine kweyeKhala ngo2025 eTrompsburg, eFreyistata.
Ngokwengxelo yesithethi samapolisa aseFreyistata, uSajini Mahlomola Kareli, ngoLwesihlanu amapolisa abizelwe kwithaveni ekwisitalato iBooysen, eTrompsburg.
UKareli uthi ekufikeni kwabo apho, amapolisa abhaqa umzimba wendoda (31) kwichibi legazi, ihlatyiwe. Ixhoba libhengezwe njengelibhubhileyo kwindawo yexhwayelo ngabasebenzi bezonyango.
"Uphando lokuqala ludize ukuba umfi nomrhanelwa babenengxabano kwithaveni malunga nezikolo zokwaluka. Kukwatyholwa ngelithi ngethuba lengxabano, umrhanelwa wakhupha imela wahlaba ixhoba labhubha ngoko nangoko," utshilo uKareli.
Emva kwesi sehlo kuthiwa umrhanelwa uye wazinikela emapoliseni ze emva koko wabanjwa.
Le ndoda ibekwe ityala lokubulala kwaye iza kuvela kwinkundla kamantyi yaseTrompsburg kungekudala, uphando luyaqhuba.