Iindaba

Iminyaka emibini ejele kwikhankatha elaxhaphaza umkhwetha

Cwayita Nondula|Published

Inkundla kamantyi yaseTsomo igwebe ikhankatha iminyaka emibini entolongweni ngokuxhaphaza umkhwetha.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Kutshanje, inkundla kamantyi yaseTsomo igwebe uSiyasanga Sifumba (30) olikhankatha iminyaka emibini entolongweni ngezityholo zokubetha ngenjongo yokwenzakalisa umzimba (GBH).

Esi sigwebo siwiswe ngoMvulo, umhla wama30 kweyeSilimela 2025. Inkundla ikwambhengeze njengomntu ongafanelanga ukuba nompu.

USifumba wayeqeshwe njengekhankatha ngabazali bomkhwetha kwingingqi yaseGqogqorha, eSixhotyeni. Ukanti endaweni yokuba akhathalele umkhwetha, uye waxhaphaza umkhwetha ngokumbetha ngentonga, ukumkhaba ngeebhutsi, nokumthwaxa ngezandla namanqindi, sitshilo isithethi samapolisa uKapteni Yolisa Mgolodela.

"Njengesiqhelo, uSifumba wabetha umkhwetha kangangokuba umkhwetha akazange akwazi ukuzimela ngentsasa elandelayo (ngomhla wesihlanu kweyoMnga ka2024). Lo mkhwetha usiwe kwisibhedlele saseCofimvaba nalapho athe watshintshelwa ngoko nangoko kwisibhedlele saseFrere eMonti ngenxa yokonzakala kwakhe.

"USifumba wafunwa wabanjwa ngamapolisa aseTsomo ngomhla we17 kweyoMnga 2024. USifumba uye wavela izihlandlo eziliqela phambi kwenkundla kamantyi eTsomo ngeenjongo zokufaka isicelo sebheyile de wayalelwa ibheyile ngomhla wama23 kweyoMqungu 2025. USifumba ugcinwe eluvalelweni ngethuba lokuchotshelwa kwetyala lakhe de wagwetywa ngomhla wama30 kweyeSilimela 2025," utshilo uMgolodela.

UMkomishinala weSithili uMajor General Rudolph Adolph uyasamkela isigwebo esiwiswe ngeli xesha lolwaluko lwasebusika nanjengoko esithi siza kuthumela umyalezo oqatha nakwamanye amakhankatha axhaphaza abakhwetha.